Idada
engxakini enzima iBlack Leopards emva kokubethwa yiBaroka FC ngamagowuli
amabini eqandeni (2-0) emdlalweni we-Absa Premiership obushushu ePeter Mokapa
Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Amagowuli enze idemesha edabini lobukhaya afakwe
ngu-Evidence Makgopa osemtsha kwiBaroka. Amaqela waseLimpopo aye emdlalweni
ephantsi koxinizelelo ngenxa yendawo embi akuzo. Ukubethwa kwayo iLeopards
emdlalweni wanamhlanje kuyintywilisele engxakini ngoba ingaya ekugqibeleni
ukuba AmaZulu angabetha iKaizer Chiefs emdlalweni ongentsimbi yesibhozo ebusuku
namhlanje eFNB Stadium. Iqela likaDylan Kerr liye emdlalweni liqhwalela phaya emva
ngenxa yokungabikho kuka-Edwin Gyimah obenqunyanyisiwe ngenxa yokuqokelela
amakhadi amaninzi. Nangona umdlalo ubunomtsalane – kodwa yiLeopards ebibonakala
ngathi ingabhalisa kuqala ebhodini.
Iye
kwixesha lokuphumla kekambe ihamba phambili iBaroka FC ngegowuli elifakwe
nguMakgopa oxhiphule ibhola ebhutyuzwe nguChris Katjuika esizikithini sebala phambi
kokujongana ngqo nonozinti. Abadlali beLeopards abafana noThabo Matlaba khange
batyhafe kwaphela – kodwa iinzame zabo ziwe phantsi. Endaweni yokufumana
igowuli, iLeopards yohlwayiwe yiBaroka emva kokwenza enye impazamo endaweni
embi. Emva kwemidlalo engamashumi amabini anesithathu, iLeopards iqokelele
amanqaku angamashumi amabini anesithathu qha. Kanti yona iBaroka inamashumi
amabini anesine emidlalweni engamashumi amabini anesithathu kwindawo yeshumi
elinesithathu. Kunyanzelekile iLeopards izame ukuyiphumelela yonke imidlalo
eshiyekileyo ukuze ifumane ithuba elicacileyo lokugcina indawo yayo kwi-Absa Premiership
kule isizini.
Baroka: Chipezeze, Farmer, Kgoetyane, Kambala, Sampson, Makgopa,
Mosele, Mgaga, Patjie, Gebhardt, Shozi
Amalalela: Dlamini, Mahangwahaya, Molewa,
Selemela, Mbulu, Makgaka, Makume.
Leopards: Muleka, Mudau, Zulu, Masia,
Katjiuka, Abubakar, Ng’ambi, Matlaba Musonda, Ngele, Kapinga
Amalalela: Makinita, Douhadji, Mcwango,
Mokoena, Bereng, Phala, Hlongwane.
Ibanjiwe indoda etshayise imoto ebikhwele uZuma