Lo unyaka, ibingunyaka oxakekileyo futhi obe yimpumelelo kwimbali yeWalter Sisulu University All Blacks yaseMonti.
Eli qela lombhoxo libethwe kwimidlalo yokugqibela izihlandlo ezibini yiWestern Cape University kwiVarsity Shield, yaze yona yoyiswa yiSwallows yaseMdantsane kwindebe yeNashua.
Umqeqeshi weWSU, uMnu. uSipho Metula, uthi u2019 ibingunyaka wokulungisa iimpazamo.
“Siqhube kakuhle kakhulu kulo nyaka nangona lingafezekanga iphupha lokuya kwiVarsity Cup. Siza kulungisa iimpazamo zethu kunyaka ozayo,” utshilo uMetula.
UMetula ukholelwa kwelokuba abadlali abatsha nabanamava bazakuba luncedo kakhulu.
“Sinenqwaba yabadlali abazimanye nathi ekuqaleni kweyoMnga. Ndikholelwa kwelokuba intsebenziswano phakathi kwabo nabadlali ekudala sinabo iza kulinceda iqela lethu,” utshilo uMetula.
Umqeqeshi wenze ilizwi lombulelo kubalandeli abanike iqela lakhe kulo nyaka ongasoze ulityalwe.
Ukapteni, uPhumlani Blauw, uthi baza kubavuyisa abalandeli babo ngo-2019.
“Siwungxamele kakhulu unyaka ozayo ngoba sifunde lukhulu kule sizini iphelileyo. Ndiqinisekile ukuba sizakwenza ezibukwayo kunyaka ozayo,” uBlauw utshilo.
OkaBlauw uyibulele inkxaso abayifumene kubalandeli nakwiintsapho zabo.
“Siyambulela wonke umntu osixhasileyo. Sibulele neentsapho zethu ezisikhululeyo sazozilolonga kule nkampu nangoza zivaliwe izikolo. Ndicela ukusebenzisa eli thuba ndinqwenelele iiholide kunye nonyaka omtsha kuye wonke umntu osixhasileyo.” Ngomhla weshumi kunyaka omtsha, iWSU izakungquzulana neFort Hare kwibala eliseDikeni.
Ayakhala amafama aseMelika ngesigqibo sikaTrump