Inye into ayoyikayo uPitso

IMamelodi Sundowns ihleli phezulu kwiPremier Soccer League iyiphumelele imidlalo yayo emininzi, abadlali bayo badlala ngokuzithemba nangokukhuthala okukhulu, kodwa umqeqeshi wayo, uPitso Mosimane, woyika into enye jwi, ukungabikho kukaBongani Zungu.

Inkxalabo kaPitso yenza umntu olandela eli qela nolandela ibhola ngokubanzi azibuze ukuba inoba ithetha ukuthini na lo nto…ngoba iSundowns lelona qela linabadlali abaninzi futhi abakumgangatho ophezulu.

Kodwa ke kwelinye icala uyathetheleleka ngoba uZungu usoloko ekhona kwiqela lakhe aqine ngalo . Lo mdlali siswini wonzakele ngoMgqibelo kumdlalo obuphakathi kweDowns neMaritzburg United.

Ngethuba uBen 10 ekhutshelwa ngaphandle kwebala iqela lakhe belihamba phambili ngo’1-0, kwangoko nje indawo yakhe yabonakala ngoba uHlompho Kekana washiyeka yedwa yabuya ngamandla esiswini iMaritzburg. Iingxelo ezivakele izolo zithi uZungu akazukudlala isithuba esingaphaya kweeveki ezintandathu.

Zindaba ezimbi ke ezo ngoba lo mdlali yintsika yeDowns. Imenzela intloko ebuhlungu lo nto uPitso ngoba akakuthandi ukutshintsha abadlali bakhe. “Ndixhalabile kakhulu ngoba andilitshintshi iqela lam,” utshilo uPitso.

“Emva kokuba kukhutshwe uZungu, kungene igowuli kuthi lo mntu usibethile kodwa ndibulela ukuba sifumene amanqaku amathathu,” utshilo uPitso. Umdlalo waye waphunyelelwa yiDowns ngo’3-2, yatsho yayothi ngcu phezulu kwiPSL.

UZungu ngumdlali odlala kakhulu futhi onefuthe kakhulu kweli qela, kwaye ukungabikho kwakhe kungayiqhokra iSundowns. Le ndedeba kulindeleke ukuba intingele ePortugal emva kwenyanga yeSilimela emva kokutyikitywa liqela laphaya kwinyanga ephelileyo.

Ngomso iSundowns yamkela iChippa United kumdlalo wePSL ongecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya eLucas Moripe Stadium.

pedro.mapelo@inl.co.za