Inye into ephoxe uNabi ebadlalini beChiefs emdlalweni obuseFNB Stadium

URanga Chivaviro weKaizer Chiefs erhangqwe ngabadlali beMamelodi Sundowns emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eFNB Stadium ngoMgqibelo. Umfanekiso: Yanga Nothanga/Maya Images

Umqeqeshi weKaizer Chiefs uvakalise ukuphoxeka kwakhe kukuyekelela kwabadlali bakhe emva kokuba kufakwe igowuli lokuqala kubo ngempelaveki egqithileyo. IChiefs iphulukene nomdlalo wayo wokuqala kule sizini emva kokuba ibethwe yiMamelodi Sundowns ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weBetway Premiership otake iintlantsi eFNB Stadium.

Abalandeli bebhola ekhatywayo abaqabele kumashumi asibhozo amawaka bagoduke bonele ngumgangatho womdlalo obuphezulu nakubeni abeChiefs bebephoxekile. Ukuphumelela kweSundowns kucacise mhlophe ukuba iseza kuqhubela phambili nobunganga bayo ebholeni yaseMzantsi Afrika. Aqale kakuhle

Amakhosi emdlalweni ngoba ngawo atsazise igazi kuqala ngegowuli elifakwe nguRanga Chivaviro. Emva kwethuba uLucas Riveiro uphendule phambi kwelesibini elifakwe yifolosi eyingozi, u’Iqraam Rayners. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns inkqenkqeza phambili emva kokulawula umdlalo kwisigaba sokuqala somdlalo ebesinomtsalane kakhulu.

Nangona Amakhosi edlale umdlalo ongcono kwisigaba sesibini – kodwa uNasreddine Nabi akonelanga yindlela abadlali bakhe abaqubisene ngayo neSundowns abakwazileyo ukuyivala kwimizuzu yokuqala emdlalweni. Kuye kwabonakala ukwehla komgangatho emva kwegowuli elifunyenwe yiSundowns.

Umqeqeshi uthi akayifuni la nto yokutyhafa kwabadlali eyenzeke kwisizini egqithileyo xa kufakwe igowuli kubo. “Ndibone abadlali beyekelela umxakatho emva kwegowuli leDowns. Andiyifuni lo nto. Le yiKaizer Chiefs,” utshilo uNabi ofuna abadlali bangayeki ukulwa ebaleni kude kuphele ixesha lomdlalo.

“Mhlawumbi kubuye iinkumbulo zesizini egqithileyo – kodwa andifuni kube njalo kule isizini,” utshilo umqeqeshi. Nangona Amakhosi ebethiwe – kodwa abantu abaninzi bayayincoma inkqubela eqeleni nomahluko owenziwe ngumqeqeshi omtsha. Amakhosi aza kudibana neSuperSport United emdlalweni olandelayo ekupheleni kwenyanga yeDwarha.