Umqeqeshi we’Orlando Pirates, uJose Riveiro, ufuna impumelelo emdlalweni weMTN8 ngomso. Oku ukuvakalise ngethuba ethetha neentatheli kule veki phambi komdlalo obalulekileyo weMTN8 ophakathi kwePirates neStellenbosch FC ngentsimbi yesithathu emalanga ngomso e’Athlone Stadium. Ekuqaleni kwesizini, iStellenbosch FC saguqisa phantsi iPirates ngo’1-0 emdlalweni weDStv Premiership owawuseDanie Craven Stadium. Ngoku Ezimnyama ziya kwiqela laseNtshona Koloni zifuna ukubuyisa iziyatya. Ngaphandle kokubethwa kwazo (Ezimnyama), uRiveiro ufuna iqela lakhe lenze umsebenzi ongaphezulu kweendebe ezimbini eliziphumelele kwisizini egqithileyo.
Lo nto yenza kunyanzeleke ukuba iPirates iyikhusele indebe yayo yeMTN8. Noxa iqela likaSteve Barker lilushica kakhulu xa lidlalela ekhaya, umqeqeshi wePirates uthi iqela lakhe liza kudlalela ukuphumelela ngomso. “Siya emdlalweni ngokukhulu ukuzimisela ngoba sifuna ukuphumelela,” utshilo uRiveiro. “Sifuna ukuwenza ngolo hlobo umsebenzi. Ewe, ukhona umlenze wesibini – kodwa sizimisele ukuwusonga umsebenzi e’Orlando Stadium zonke izinto sezicalanye. Sifuna ukwenza umsebenzi wethu ngendlela efanelekileyo ngoba sinawo amandla okuyenza le nto siyifunayo. Asifuni ukwenza amaqashiso xa sisiya emdlalweni wesibini. Indlela esiqhuba ngayo emidlalweni yeDStv Premiership siza kusebenzisa yona nalapha kwiMTN8.
Ngumdlalo lo esiza kuya kuwo sinenjongo yokuphumelela,” utshilo uRiveiro, ophumelele iindebe ezimbini kwisizini yakhe yokuqala, iMTN8 neNedbank Cup. Indedeba yaseSpain ithi iPirates yadlala kakuhle emdlalweni eyabethwa kuyo siStellenbosch – kodwa ngoku lifukile ixesha lokuba kwenziwe izilungiso. “Ndicinga ukuba sadlala kakuhle njengeminye imidlalo esiyidlalileyo. Kodwa ke iMTN8 isinika ithuba lokudlala neStellenbosch kwangoko. Sifuna ukwenza izinto kakuhle emdlalweni esiya kuwo phambi kokuya kowesibini. Ziziphumo ezihle into esiyifunayo qha. Sifuna ukwenza ngcono kuneStellenbosch,” uvale ngaloo mazwi uRiveiro, oza kuthemba kwifolosi yakhe evutha bhe, uZakhele Lepasa.
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo