Inyuke kancinci iPolokwane City emva kokubambana neHighlands Park

Peter Shalulile of Highlands Park challenged by Denis Chembezi of Polokwane City during the Absa Premiership 2019/20 match between Polokwane City and Highlands Park at Loftus Versfeld Stadium on 22 August 2020. Samuel Shivambu/BackpagePix

Likhula
ngosongwa kweentsuku zesizini idabi lamaqela alwela ukusinda ezembeni kwiPSL.
Emva kwemini namhlanje, iPolokwane City izuze inqaku elibalulekileyo emva kokudlala
ntanganye ngegowuli elinye macala (1-1) neHighlands Park
emdlalweni we-Absa Premiership obubanjelwe eLoftus Stadium ngale njikalanga. Ngoku
iqela laseLimpopo linyukele kwindawo yeshumi elinesihlanu. AmaZulu, ahleli
ekugqibeleni, abethwe yiBidvest Wits ngo’2-1 emdlalweni wayizolo. Igowuli lePolokwane City
kaClinton Larsen lifakwe nguCharlton Mashumba emnatheni weqela lakhe. Lona igowuli
leqela lika-Owen Da Gama lifakwe nguPeter Shalulile emva kwebhola ebisuka
ekoneni kuLindokuhle Mbatha.

Amaqela aye
kwixesha lokuphumla umdlalo wawo ubambene – kodwa kukho nalinye elikwazileyo
ukubhalisa ebhodini ngenxa yokunqaba kwamathuba acacileyo emdlalweni. Isigaba
sesibini ibe sesona esinika umdla ngoba sibenawo amagowuli nakubeni lingekho
eliphumeleleyo ekugqibeleni. Izinzile
iHighlands Park

kwindawo yesixhenxe kwiPSL emva kokuqokelela amashumi amathathu anesine
amanqaku emidlalweni engamashumi amabini anesixhenxe. Kanti yona iPolokwane City kusafuneka ilwe ngamandla ngoba
ingamashumi amabini anesine amanqaku ewafumene amidlalweni engamashumi amabini
anesixhenxe. Kunyanzelekile iyiphumelele imidlalo ezayo ukuze isinde ezembeni.