Inyukele phezulu iChippa United emva kokubetha iCape Town Spurs esemsileni

URonaldo Maarman weChippa United noLogan Brown weCape Town Spurs emdlalweni weDStv Premiership obuse-Athlone Stadium, eKapa. Umfanekiso: ©Ryan Wilkisky/BackpagePix

Libuyela ekhaya iqela likaMorgan Mammila lithe qhiwu umsila phezulu emva kokuba lizuze impumelelo yalo yokuqala kule sizini. Oku kulandela emva kokuba iChippa United ibethe iCape Town Spurs ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obuse’Athlone Stadium namhlanje ebusuku. Impumelelo yeqela laseMpuma Koloni ize emva kokungaphumeleli kwalo emidlalweni emine phambi kowanamhlanje kwiDStv Premiership nakubeni lidlale kakuhle kuyo yonke loo midlalo. Ukubethwa kwaso iSpurs ziindaba ezimbi kakhulu kubalandeli baso ngoba yiyo edlale umdlalo ongcono futhi nedale amathuba amaninzi emdlalweni wanamhlanje. UJustice Chabalala uzibonakalisile nasemdlalweni wanamhlanje ukuba ulithemba ngethuba echitha ibhola embi ebigotywe nguKhaya Mfecane.

Kanti phambi koko, uAshley Cupido woyiswe kukugqibezela ephelele ezandleni zikanozinti weChippa United, uStanley Nwabali. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iindwendwe zihamba phambili ngegowuli elifakwe nguRonaldo Maarman. Okubi ngokwenzeke namhlanje kukuba iSpurs sibethwe nguMaarman ochithe iiveki kuso efuna ukudlalela sona phambi kokuqala kwesizini. Wabuyela kwiChippa kwakucaca ukuba uShaun Bartlett akanawo umdla wokumtyikitya. Ngenxa yoxinizelelo, uBartlett ufake uAsanda Velebayi noJarrod Moroole enethemba lotshintsho ukuze okungenani, iqela lakhe lifumane igowuli lokulinganisa ekhaya. Noxa iChippa ikwazile ukubambelela kwigowuli elifumene kwisigaba sokuqala – kodwa ibixheshwa yiCape Town Spurs.

Nakubeni ukugqwidiza kwaso iSpurs bekulindelekile njengeqela elisuka kwiMotsepe Foundation Championship – kodwa ukubethwa kwaso kuyo yonke imidlalo kungabaxhalabisa abaphathi nabalandeli. Eyona nto inzima kwiSpurs kukungabikho kwefolosi ekwaziyo ukufaka amagowuli. Ngaphandle kwamathandabuzo, yena uMammila wonwabile ngoba iChippa ngoku ihleli kwindawo yesibhozo inamanqaku amathandathu. Amanqaku amathathu wokuqala, iChippa United iwafumene emidlalweni edlale ntanganye kuyo neChiefs, iPirates neTS Galaxy. UMammila ebesoloko ekhala ngamathuba angasetyenziswayo ngabadlali bakhe kuquka nomdlalo ebethwe kuwo kwiveki ephelileyo eGqeberha. Ukuphumelela kwayo namhlanje kuza kubakhuthaza abadlali abadlala kakuhle bona ebaleni.