UTendai Ndoro wenze ezibukwayo ngokufaka amagowuli amabini ancede iqela lakhe.
Inyukele phezulu i-Orlando Pirates kwiPSL emva kokungomba iGolden Arrows ngo’4-1 eMoses Mabhida Stadium ngoMgqibelo odlulileyo.
Amanye amagowuli afakwe nguLuvuyo Memela no-Issa Sarr. Ikhokele ngamagowuli amathathu kwakwisigaba sokuqala iBucs.
Iwulawule umdlalo iPirates, kodwa zijikile izinto emva kokukhutshwa ngekhadi elibomvu kukaLehlogonolo Masalesa. Izamile iArrows yade yafumana igowuli, kodwa ngelishwa ayikwazanga ukufaka amanye.
Umdlali oye waqaqamba kula mdlalo nguAdwin Gyimah. Sekulithuba ngoku udonga lwasemva leBucs lingasavuzi njengakuqala.
UGyimah ngomnye wabadlali ekuthenjelwe ngabo ngu-Eric Tinkler ngenxa yomsebenzi awenzayo. Nakulo mdlalo uGyimah udlale ngokukhuthala okukhulu wade wafumana iwonga, kodwa uncoma oogxa bakhe.
“Umdlalo ubumnandi kakhulu. Besisazi indlela abadlala ngayo. Ibinxanelwe umdlalo i-Arrows kuba isendaweni embi kwiPSL. Umqeqeshi wethu uthe masifake ibhola emnatheni qha, senze njalo,” utshilo uGyimah.
IPirates inalo ithuba lokuvala isizini iphakathi kwamaqela aphambili ukuba ithi gqolo iphumelela.
Ubomi ejele kutata owadlwengula intombi yakhe ngokuphindaphindiweyo