Iphantsi koxinizelelo iChippa Utd

Emva kwemidlalo emibini, iChippa United ifumene inqaku elinye jwi.

Lo nto iyibeka phantsi koxinizelelo njengokuba umlo wokubaleka ezembeni ungena kuvuthondaba. Iqela laseMpuma Koloni libethwe yiCape Town City ngo’1-0 emdlalweni wokuqala ngeli thuba lekhorona.

Kanti ngoLwesibini wale veki, iChippa ayikwazanga ukufumana amanqaku apheleleyo ewadingayo emva kokubambana ngeqanda neHighlands Park emdlalweni obuseOrlando Stadium.

Abaphathi beChippa bakhulula uRhulani Mokwena kwinyanga egqithileyo, endaweni yakhe bafaka uLehlohonolo Seema benethemba lokuguquka kwezinto.

Akukabikho mpumelelo ayizuzileyo emidlalweni emibini, eyona nto engamandla kukungafaki magowuli – ingxaki enethuba elide iyithe mbende iChippa United.

Iphantsi koxinizelelo ngoku ngoba amaqela amane asemva kwayo akakudanga kuyo ngamanqaku.

Kunyanzelekile ke ngoku iqela likaSeema liphumelele xa lidibana neBaroka FC emdlalweni weAbsa Premiership oza kube useOrlando Stadium ngo18:00 ngoMgqibelo.

Kungokunje iChippa ihleli kwindawo yeshumi elinambini emva kokuqokelela amashumi amabini anesixhenxe emidlalweni engamashumi amabini anesithandathu.

Ishiya iBaroka, esenomdlalo osendleleni, ngamanqaku amabini qha. Kunyanzelekile abadlali beChippa banyuse umxakatho ngoba iBaroka ilwela ukuya endaweni ebhetele emva kokudlala ntanganye ngeqanda naMaZulu nango’1-1 neOrlando Pirates ekuqaleni kwale veki. IChippa ishiya amaqela asekugqibeleni ngamaqela amane qha.