Iphezulu iCity Lads kwiSasol League

Iqela laseBhayi elidlala kwiSasol League, iCity Lads ihleli kwindawo yokuqala kuluhlu lwamaqela eli nqanaba emva kweziphumo zempelaveki

ICity Lads yaseBhayi ibonakala izimisele ukuyiphumelela iSasol League kule sizini.

ILads edlala kakuhle isethubeni lokwandisa amanqaku wayo xa iqubisana neCumakala Ladies ngempelaveki. Kulindeleke ukuba umdlalo udlalwe ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo, eCumakala.

Yona iThunderbirds Ladies ekwindawo yesibini idibana neGolden Stars, iHighbury yamkela iSophakama Ladies, iManchester Babes idlala neRed Roses Ladies FC, Eastern Rangers FC idlala neBirmingham City Ladies,

I-Eluhewini idlala neBashee Eagles FC, iExecutive Ladies idlala neUniversity of Hare, iAyakha Stars idlala neAmanqilo Birds, yonke imidlalo iqala ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo.

ICity Lads neThunderbirds Ladies zithe gqolo ukuphikisana ngendawo yokuqala kwibhola ekhatywayo yamanenekazi.

Oko kuqale isizini, iThunderbirds Ladies yaseGcuwa ibisoloko ihleli kwindawo yesibini kwiSasol League. Kodwa ngempelaveki egqithileyo izinto ziye zatshintsha emveni kokuba iLads ihlaze i-Eluhewini Ladies ngo12-0.

Impumelelo ithathe iintwazana zaseBhayi yazibeka kwindawo yokuqala. Kanti iintshatsheli ezikhuselayo, iThunderbirds Ladies, khange idlale – into eyenze yehlele kwindawo yesibini.

Njengokuba kuqale isizini, iLadies idlale ntanganye kumdlalo omnye ze yayiphumelela yonke eminye, kanti yona iLads iphulukene nomdlalo omnye, ze yayiphumelela eminye.

Iqela elisahleli emsileni kwiSasol League yiManchester Babes ngamanqaku amathandathu emva kwemidlalo elishumi elinesithandathu eyidlalileyo kwaye khange idlale kwiveki ephelileyo.

Kweminye imidlalo:

University of Hare Ladies izibethele iHughbury Ladies ngo’5-1, iBirmingham City Ladies ibethe i-Executive Ladies ngo’2-0, iBashee Eagles yabethwa yiGolden Stars ngo’2-1, iSophakama Ladies yabetha iAyakha Stars ngo’2-1 , iCumakala Ladies yabetha iEastern Rangers Ladies ngo’2-0 logama Amanqilo Birds Ladies ebethwe yiRed Roses ngo’3-1.