Iphinde yabhala iincwadi zembali ngokutsha iMamelodi Sundowns!

Pitso Mosimane, coach of Mamelodi Sundowns lead the celebration with players and stuff during the Absa Premiership 2018/19 match between Free State Stars and Mamelodi Sundowns at Goble Park Stadium, Bethlehem on 11 May 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Nangona bekukho
ukungaqiniseki ngeyona nto ezakwenzeka phambi kokuvalwa kwesizini yePremier
Soccer League izolo – kodwa ekugqibeleni, iMamelodi Sundowns iye yathwaliswa
isithsaba sobuntshatsheli emva kokuqokelela amanqaku amathathu. Amasandawana
abethe iFree State Stars ngegowuli elinye (1-0) elifakwe nguPhakamani Mahlambi
emdlalweni obunzima eGoble Park Stadium emalanga izolo. Ngokwenza njalo,
iMamelodi Sundowns ibhale iincwadi zembali ngokutsha ebholeni ekhatywayo emva
ngokuphumelela indebe ye-Absa Premier Soccer League isihlandlo sethoba (9)
ukusukela mhla yasungulwa. Bekukho ukuxhalaba kubalandeli beSundowns ngoba iPSL
ilwela ukuthathwa kwamanqaku amathathu kwiSundowns endaweni yomdliwo eyagxizwa
ngawo ngenxa yokusebenzisa uWayne Arendse engafanelekanga emdlalweni kunyaka
ophelileyo. Alikho iqela lebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika elikwazileyo ukuphumelela
indebe yePSL ukodlula iSundowns.

Ife namthanyana
i-Orlando Pirates ebisilwela indebe emva kokubetha iPolokwane City
ngamagowuli amathathu eqandeni (3-0) emdlalweni obubanjelwe e-Orlando Stadium
izolo. Ukuba iSundowns ibithathelwe amanqaku, abantu abaninzi bebeza
kuyikhalazela iPSL engasamkelanga isigwebo sekomiti yoluleko yayo kuba (iPSL) ikhokelwa
ngu-Irvin Khoza okwangumnikazi wePirates eneminyaka emihlanu ingafumani kwanto.
ISundowns iqokelele amashumi amahlanu anethoba emva kokudlala imidlalo
engamashumi amathathu kwisizini ka-2018/19. Ngelishwa, ukubethwa kwayo iFree
State Stars kuthethe ukuthi ithotyiselwa kwinqanaba elingezantsi emva kokuvala
isizini ikwindawo yokugqibela kwiPSL. Yona iMaritzburg United – ehleli ixesha
elide emsileni – isinde ngolambisa emva kokubambana neBaroka FC ngo’1-1. Ngoku
iTeam of Choice iza kudlala imidlalo yokuxabangela namaqela akwaNational First
Division, iya kuyigcina indawo yayo kwiPSL ukuba iphumelele.