Iphise ngomdlalo ekugqibeleni iChippa United

Mdantsane – IChippa United neGolden Arrows zibethene zayeka kumdlalo wePSL ophele ebambene la maqela ngamagowuli amabini macala namhlanje ebusuku eSisa Dukashe Stadium. Amagowuli weChippa afakwe yifolosi ebukhali kakhulu phambi kweepali, uLerato Manzini. Lo gama aweGolden Arrrows efakwe nguLerato Lamola.

Bobabini aba badlali ngabona badlale indima ebalulekileyo kumaqela wabo kulo mdlalo. Iqela ebelidlalela ekhaya, iChippa United, liwuqale kakuhle kakhulu umdlalo – kuthe ngomzuzu weshumi elinesihlanu uLerato Manzini ungcangcazelise umnatha. Lo nto inyanzele i-Arrows ukuba ucinge elinye iqhinga lokuqubisana noxinizelelo lweChippa. Emva koko iChippa iwulawule ngakumbi umdlalo, uThamsanqa Sangweni noSandile Zuke ngabo abebetsala iintambo esazulwini sebala. Kuyo yonke lo nto ebisenzeka – kodwa iChippa ayikwazanga ukufaka igowuli lesibini kwisigaba sokuqala.

Kwiyiwe kwixesha lokuphumla iiChilli Boys zinkqenkqeza phambili ngo’1-0. Zitshintshile izinto kwisiqingatha sesibini ngoba i-Arrows ibuye incono kakhulu kwaye ifake igowuli lokulinganisa. Ulandelise ngelesibini uLerato – kodwa ngemizuzu yokugqibela abadlali beChippa bamyekile uLamola wafaka igowuli lokulinganisa. Ukudlala kwayo kakuhle iChippa akuyincedanga ngoba ubukhulu becala ibidlalela kude kuneepali zeGolden Arrows kwaye ibingacishileli ngokwaneleyo ukuze ifumane igowuli lokusonga umdlalo. Kanti zona iindwendwe zikwazile ukuyibamba iChippa nangona beziphantsi koxinizelelo.