Igqala lebhola ekhatywayo nelikwangumqeqeshi weYoung Blues kwidolophi yaseCala, uTylden ‘Ta-Vido’ Marawu(77), lithi ukungabikho kwemali akuzulibulala iphupha lalo lokuphuhlisa imidlalo eCala.
Eli gqala elalidlalela iXhalanga Blues ngeminyaka yoo-1970 linamaqela amabini abizwa ngokuba ziiYoung Blues, elinye lelabadlali abangaphantsi kweshumi elinesithathu lize elinye libe lelabaneminyaka elishumi elinesixhenxe.
U-Ta Vido uthi, omabini la maqela uwaxhasa ngemali yakhe yenkam nkam kwaye akukho ncedo alufumanayo. “Xa kuyiwa emidlalweni, la maqela atyiswa ndim akhweliswe kwandim kule madlana yam.”
Lo mqeqeshi uqhube wathi, elona qela liva ubunzima kakhulu leli lincinane kuba lisebenzisa izikipa zeqela elidala ezikhulu, lo nto yenze kubenzima nokubaleka ebaleni.
Omabini la maqela anengxaki yezihlangu zokudlala, lo nto yenze boyike ukudlala namaqela anazo.
Le ngxaki uthi kudala eyibika kumasipala weSakhisizwe nakoo-somashishini kodwa akafumani ncedo.
UMarawu uthi, uyafunga ukuba akasayi kubayeka abantwana bahlale kwiindawo zotywala ngenxa yezi ngxaki.
Utyatyadule wathi iziphumo zamaqela akhe ziyamonwabisa, kwaye nabadlali bakhe bazimisele. Le nkonde ithi inqwenela ukuba nabani na ongabahlangula eze ngaphambili nokuba luncedo olunjani kuba aba bantwana ngabesizwe sonke.
Ugxibhe abantu abatsha baseCala ngokumyekela aqeqeshe amaqela amabini yedwa emdala ngolu hlobo.”Ndifuna ukukhulisa abanye abaqeqeshi abaselula kuba ndimdala ngoku nempilo iyandihlupha bayeke ukulibala ziziyunguma ezingakhiyo, kwasebaleni akakho umntu oyintanga yam.
Kodwa andisokuze ndihlale phantsi abantwana balapha bengekaphuhli”, uvale ngatshoyo.
UMzantsi Afrika uza kongamela iG20: Kuthetha ntoni oko?