Iqela laseMpuma Koloni, iChippa United, kubonakala ngathi liza kubalisa ibali elahlukileyo kwisizini ezayo yePremier Soccer League.
Oku kulandela emva kokuba liphulukene nabadlali ababalulekileyo nabadlale indima ebalulekileyo kwindlela eliqhube ngayo kwisizini ephelileyo.Emva kwamarhe okuba umdlali wangemva weChippa uNkosinathi Mthiyane ufunwa liqela laseRhawutini, izolo kuvele ingxelo ethi i-Orlando Pirates sele imtyikityile lo mdlali uneminyaka engamashumi amabini anesibhozo. Ngelixa kuvulwa umtyhi wokuthengwa kwabadlali ebutsheni balo nyaka, uMthiyane, waye wavela njengomnye wabadlali abanokuthi batyikitywe yiPirates. Emva kwalo nto, iPirates ibambe indibano neChippa mayelana nokutyikitya lo mdlali ngelixa usavuliwe umtyhi.
Besele zikhona ngoMvulo iingxelo ezithi uMthiyane kulindeleke abhengezwe ngokusesikweni yiPirates. Amanye amaqela ebebonakalise umdla kulo mdlali yiBidvest Wits neBloemfontein Celtic. Ngokweengxelo, uMthiyane bekulindeleke ukuba aqale ukuziqeqesha nabanye abadlali phantsi komqeqeshi omtsha, uMuhsin Ertugral izolo. UMthiyane uqale wadlala kwiqela laseThekwini, esele lidlala kwiNFD ngoku AmaZulu, phambi kokuba aze kwiChippa.
IiChilli-boys zingazibona zisenkathazweni kuba enye ingxelo ibikhe yavela kwinyanga ephelileyo yeyokuba, umdlali wasecabangeni uJoseph Malongoane ufunwa liqela laseSoweto iKaizer Chiefs. Omnye umdlali ongakhange enze kakubi kule sizini nekulindeleke ukuba angadlali kwiChippa kwisizini ezayo, nguJames Okwuosa, kwaye umnini weli qela, uChippa Mpengesi, wangqina ukuba uza kukhululwa lo mdlali aye kwiPirates. IChippa ayifumanekanga izolo.
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV