Iphumelele iBelgium kumdlalo obunzima eKazan Arena

Kevin De Bruyne of Belgium (L) and Thiago Silva of Brazil in action during the FIFA World Cup 2018 quarter final soccer match between Brazil and Belgium in Kazan, Russia, 06 July 2018. By: WALLACE WOON / EPA

Ilizwe laseBelgium
leze imbali ngokufikelela kumdlalo ophambi kwamagqibela kankqoyi kwindebe
yehlabathi esingathwe yiRussia. Oku kwenzeke emva kokuba iBelgium ibethe
iBrazil ngo’2-1 kumdlalo obunzima kakhulu eKazan Arena namhlanje. Umdlalo obuphakathi
kwala mazwe mabini ngomnye yemidlalo ethe yatsala umdla wabalandeli bebhola
ngenxa yendlela adlale ngayo kwimidlalo egqithileyo. Ngethamsanqa elikhulu,
umgangatho womdlalo ubuphezulu kwaye ukuphumelela kweBelgium akothusanga emva
kokuba iBelgium ifumene amagowuli amabini kwisigaba sokuqala yavala mba emva. Amagowuli
amabini namhlane ongeze kwalishumi elinambini iBelgium ewafake kwimidlalo
edlulileyo.

  Image may contain: 4 people, people playing sports and outdoor

Ngokuqinisekileyo
abadlali beBrazil bakhalela amathuba abangakwazanga ukuwasebenzisa kwisigaba
sokuqala. Umdlali wasemva uThiago Silva ube nelishwa elingummangaliso ngethuba
ibhola yakhe ibetha epalini. Akuphelanga apho ngoba zikhona nezinye iibhola
ezibhutyuzwe ngabadlali beBrazil ngaphakathi kumhlaba kanozinti. Izinto zijike
kumzuzu weshumi elinambini ngethuba ibhola kaKevin de Bruyne ayikhabe esekoneni
ibetha kuFernandinho ingena emnatheni. Khange kube kudala walandelisa ngegowuli
elihle kakhulu uDe Bruyne. UMarcelo noNeymar besebenzisana noPhilippe Countinho
bazamile ukuhlasela amatyeli aliqela – kodwa yabe ivale mba iBelgium emva.

   Image may contain: 1 person, playing a sport and outdoor

IBelgium eqhube
kakuhle kule ndebe yehlabathi ibuye ekhefini yaqinisekisa ukuba ayibavumeli
abadlali beBrazil bayonzakalise ngeebhola zabo ezimfutshane nezikhawulezayo. Emva
kokulawula isiqingatha sesibini, iBrazil ifumene igowuli lobika sekusondele
ixesha lokuphela komdlalo ngethuba uRenato Augusto, ongene kwisiqingatha
sesibini, efaka ibhola entle ngentloko ayifumene kuCountinho. Unozinti weBelgium,
uThibaut Courtois, wenze umsebenzi omhle ekugqibeleni ngokuvala ibhola kaNeymar
ebikhatywe ngobuchule. IBrazil ikhutshwa kwindebe yehlabathi lilizwe
laseYurophu kwakhona emva kokuhlazwa yiGermany ngo’7-1 kwindebe yehlabathi ngo’2014.

Belgium: Thibaut Courtois, Jan Vertonghen, Vincent
Kompany, Toby Alderweireld, Nacer Chadli, Axel Witsel, Fellaini, Thomas
Meunier, Eden Hazard, Romelu Lukaku, Kevin De Bruyne.

Brazil: Alisson, Marcelo, Miranda, Thiago Silva, Fagner,
Neymar, Fernandinho, Philippe Countinho, Paulinho, Willian