Iphumelele ivile iPirates eSisa Dukashe Stadium!

Dove Wome of Orlando Pirates during the Absa Premiership match between Orlando Pirates and Bidvest Wits on 15 February 2017 at Orlando Stadium ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

Ifumene impumelelo yayo yokuqala i-Orlando Pirates phantsi komqeqeshi omtsha, uKjell Jonevret, ngokuthi ibethe i-EC Bees edlala kwi-ABC Motsepe League ngo’3-1 kumdlalo weNedbank Cup obunika umdla kakhulu eSisa Dukashe Stadium ngale njikalanga. Abantu baseMpuma Koloni bazibonakalisile kwakhona kwicala lokuthanda nokuxhasa ibhola eekhatywayo ngokuthi bagcwalise ibala laseMdantsane. Nangona iBees idlala kwiMotsepe – kodwa ibonisile namhlanje ukuba ingamelana nalo naliphi na iqela eliphambi kwalo.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iPirates inkqeqnkqeza phambili emva kwebhola efakwe nguDove Wome ngomzuzu wesithoba umdlalo uqalile, ibhola uyifumene kuMpho Makola. Umdlalo uqale ngezinga eliphezulu nanjengoko bekulindelekile kulo mdlalo obujongwe kakhulu. Ngomzuzu wokuqala i-EC Bees zihlanganise iibhola ezimbalwa kodwa iinzame ziMzolisi Qalanto aziphumelelanga. Iphindile kwakhona iBees ifuna intw’ibilapha, kuye kwanyanzeleka abadlali beBucs bayinqande iBees ebekubonakala ukuba ifuna ifuna ukufaka igowuli kuqala emdlalweni.

Emva kokunikelana kakuhle ngebhola phakathi kuka-Oupa Manyisa, uMpho Makola embindini webala – uThabo Matlaba umoshe ibhola endaweni yokuyigobela iifolosi zakhe. Uphindile kwakhona uMatlaba – kodwa intambula ayitsale ekude iye yabanjwa ngu-Eziel Matatela, unozinti weBees. Zizamile nazo iiNyosi ukuphendula – ngelishwa lazo uQalanto akayibambanga kakuhle ibhola ngonyawo. Emva kokuba iPirates ifake gowuli, kubekho ukugungqa okuthile kubadlali beBees phaya emva – yinto abaye bayilungisa kwangoko. UThamsanqa Gabuza, uPatrick Phungwayo noBernard Morrison bawaphosile abathuba okongeza amagowuli. UQalanto, uBongani Chikile noJohn Tshabalala ngabanye babadlali ababenomdlalo omhle kwesigaba sokuqala nabathe bagcina iPirates ixakekile kulo mdlalo obumhle ngeyona ndlela imangalisayo.

Ngomzuzu weshumi elinesine, u-Ayanda Gcaba ufake igowuli lesibini emva kokuxhesha iBees ephethe seyisenza iimpazamo. Emva kwezuzu emibini uChikili uvalele emnatheni igowuli leBees eshiya amadoda ezizigede emva kwakhe. Iinyosi ziphinde zawafumana amandla wazo emva kokufumana igowuli, ziquqe zibuyelela okwezulu laseMthatha kumhlaba weBucs. UMpontshane wenze umsebenzi omhle kakhulu ngethuba evala ibhola kaChikili ayikhabe engaphaya komhlaba kanozinti. UNkosomzi Mbenyane, uSiyabonga Booi noMboniseni Mbandalwa bawulawule umdlalo esazulwini somdlalo – kwaye bekubonala ngathi iPirates ayinandlela yokubanqanda.

UGabuza ulibeke emnathe elesithathu ngomzuzu wamashumi amathandathu anesixhenxe – ibhola igotywe nguWome esekunene ayifumene uMatlaba onqumle ibala esuka emva. Ngamava qha ohlule iPirates kwiBees namhlanje – ngaphakoko ngokudlala ibhola bezilingana, iqela leMpuma Koloni lidlale umdlalo omhle kakhulu. unozinto weBees, uMatatela Eziel, wenze umsebenzi oncomekayo kakhulu xeshikweni ethintela iPirates izihlandlo eziliqela kwisigaba sesibini.