Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!

UDarren Johnson ebamba ibhola emdlalweni weBetway Premiership obuphakathi kweChippa United neMarumo Gallants namhlanje ebusuku eBuffalo City Stadium. Umfanekiso: Yanga Nothanga/Maya Images

Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United esesandleni namhlanje ebusuku. Oku kwenzeke emva kokuba ibambene neMarumo Gallants ngamagowuli amabini macala emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eBuffalo City ebimumathe abantu abaqikelelwa kwishumi lamawaka. Ikungaphumelelo kweChippa kuyivimbe ithuba lokubuyela kwiTop 8 ebike yahlala kuyo ixesha elide.

UDan Malesela ugoduka encumile ngoba iqela lakhe ligqibela umdlalo lingaphelelanga. Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu, omabini amaqela ebengxamele ukufumana igowuli kuqala. Nangona ingakwazanga ukufudala amathuba acacileyo – yiChippa United ebihlasela ngamandla. Khange iziyekele kodwa iMarumo Gallants ebixhokonxa phambili ngoGabadinho Mhango.

Ifake uxinizelelo iMarumo yade yenza impazamo iChippa United phakathi ebhokisini. Ifumene igowuli ngepenela iMarumo Gallants ngebhola efakwe nguEdgar Manaka emzuzwini weshumi elinesine. Kuye kwanyanzeleka ukuba iChippa ilwe phambi kwenyambalala yabalandeli abagcwalise iBuffalo City Stadium ebisingethe umdlalo wokuqala kulo nyaka.

Emzuzwini wamashumi amabini anesithathu, uBienvenu Eva Nga ufake igowuli lokulinganisa ngentloko. Igowuli lakhe lize lize ngebhola ebikhatywe ngobuchule nguAphelele Teto. Nakubeni ibiphantsi koxinizelelo iMarumo Gallants – kodwa khange iyeke ukuzama phambili isebenzisa ifolosi yayo eyingozi, uMhango.

Emzuzwini wamshumi amane anesithathu, uJustice Tshabalala ulungise impazamo ayenzileyo ekuqaleni komdlalo ngokufaka igowuli lesibini leChippa United. Ngelishwa layo iMarumo Gallants, iye kwixesha lokuphumla ingaphelelanga emva kokuba uMasindi Nemtajela enikwe ikhadi elibomvu ngenxa yokudlala kakubi umdlali weChippa United ebihamba phambili ngo’2-1.

Emva kwemizuzu embalwa kwisigaba sesibini, uMhango ufake igowuli lesibini leMarumo Gallants ebidlala ingaphelelanga. Kwisigaba sesibini, iChippa United ayidlalanga kakuhle kwaphela. Nangona ibingena emhlabeni kaWashington Arubi – kodwa ayikwazanga ukuyisa iqela elidlale isiqingatha sesibini somdlalo lingaphelelanga ebaleni. Umdlalo uphele ebambenge ngo’2-2 ebhodini.