Iphupha ngempumelelo imbaleki yaseZiphunzana

Imbaleki yaseZiphunzana uBulelani Mgubo ephumelela iTwizza Bonkolo Marathon kuKomani kutshanje

Ibinguwashiywa nowashiywa kwiTwizza Bonkolo Marathon, eKomani, kutshanje kodwa imbaleki yaseZiphunzana, uBulelani Mgubo, uzibonakalise ngethuba efika entanjeni ngexesha eliyi-2:40:36 ephumelela ugqatso obe lutaka iintlantsi.

Ezinyaweni zakhe kulandele uMcoseleli Luyaba weBalekani Athletics Club obesemva ngemizuzwana eyi20 kuphela. UMgubo obalekela iBuffalo Runners Athletics Club (Brac) ezinze eQonce uthe wonwabe kakhulu kukuphumelela kwakhe le marathoni.

“Ndivuya kakhulu kuba ibizizicwangciso zam kakade ukuba ndibe ngomnye wabafika kuqala entanjeni,” utshilo uMgubo.

Engaqali phofu ukuwina ugqatso kumgama we42km, uMgubo uphumelele iAmathole Marathon, iBuffs Marathon kwakunye neMasters Challenge ka2018.

Ngoku uthi uzimisele ukwenza into ezibukwayo kwiComrades Marathon 2020 kodwa uyazi kakuhle ukuba asiyondlwan’ iyanetha leyo.

Ephenjelelwa ngulo mbono, uMgubo uthathe isigqibo sokuba azikhwebule kwiTwo Oceans Ultra Marathon yonyaka ozayo.

“Zisondelene kakhulu iintsuku zeComrades neTwo Oceans ngoko ndibone ukuba mandijolise iintolo zam kwiComrades.

“ Sele ndiqalile ukuzilungiselela kwaye ndijonge ukuphucula ixesha lam kuba bendiqala ukuyibaleka kulo nyaka kodwa ndibuye nembasa yesilivere,” itshilo le mbaleki.

Usihlalo weBrac uThembalethu Ngalwana uthe bayazingca ngoMgubo kwaye bazimisele ukumxhasa kwiminqweno yakhe.

“Le dyongwana ibeka igama lethu phambili kwaye ingumzekelo okhuthazayo kumanye amalungu.

Ifuthe layo liyavakala kwaye sinethemba lokuba iseza kwenza ngakumbi isiphathele udumo,” utsho uNgalwana.