IPirates ayikwazanga ukubetha iGolden Arrows emdlalweni weDStv Premiership

Iphoswe ngamanqaku amathathu i-Orlando Pirates emva kokuba ibambene ngeqanda neGolden Arrows emdlalweni weDStv obubanjelwe e-Orlando Stadium emalanga namhlanje. Abalandeli bePirates bebethemba lokuba iqela labo lakuthi libuyise isidima salo emva kokuquthiswa kabuhlungu yiBlack Leopards ngo’2-0 emdlalweni wempelaveki egqithileyo.

Iphantse yabhakuzelisa umnatha kekambe iPirates zisuka emdlalweni. UVincent Pule uphose ithuba lokwenza oko emva kokuba engakwazanga ukusebenzisa kakuhle ibhola ayinikelwe nguBongani Sam – obenethamsanqa lokuqala umdlalo okokuqala kule sizini. Ezimnyama ziwulawule umdlalo kwisigaba sokuqala, bona Abafana Bes’thende baqinisekise okokuba bavala amazibuko – kodwa bemane ukuya phambili xa befumana ithuba.

Umdlalo weGolden Arrows uye waqina kwisigaba sesibini emva kokufakwa kukaLindokuhle Mtshali endaweni kaSiboniso Conco. UPule noThembinkosi Lorch – abona badlali ekuthenjelwa kubo xa kunzima – abakwazanga ukusebenzisa amathuba emdlalweni wanamhlanje. Abafana Bes’thende babuyeka KwaZulu-Natal imisila iphezulu ngoba bafumene inqaku elinye – kodwa ngaphezulu koko, imbali yokungabethwa kwabo kule sizini kusahleli.

Ihleli kwindawo yesine i-Arrows eqokelele ishumi elinethoba lamanqaku emidlalweni elishumi alinanye. Kanti yona iPirates ihleli kwindawo yesithandathu. Kweminye imidlalo: Swallows 1-1 Chippa United; SuperSport United 1-1 AmaZulu; Stellenbosch 2-3 Baroka; Maritzburg United 0-3 TS Galaxy; Black Leopards 0-2 Cape Town City.

Pirates: Ofori, Jele, Hlatshwayo, Nyauza, Sam, Motshwari, Makaringe, Monare, Lorch, Pule, Dzvukamanja

Amalalela: Sandilands, Tshobeni, Mntambo, Maela, Dlamini, Jooste, Hotto, Ndlovu, Mhango.

Arrows: Mlungwana, Lunga, Shitolo, Sibisi, M.Dube, Mmodi, Ndwandwe, Makhubela, Parusnath, Conco, Mutizwa

Amalalela: N.Gumede, Nkombelo, Sabelo, Ndlovu, L.Dube, M.Gumede, Mtshali.