IPirates ibeke endaweni yayo iJwaneng Gallaxy emdlalweni weChampions League

Ibekwe endaweni eyifaneleyo iJwaneng Galaxy emdlalweni weCAF Champions League. Oku kwenzeke emva kokuba icanjalaliswe yi’Orlando Pirates emdlalweni obubanjelwe eNational Stadium, eBotswana, ngenjikalanga yanamhlanje.

Ezimnyama ziye ebumelwaneni zinomsindo futhi zifuna ukubuyisa isixhiba emva kokuhlazwa yiJwaneng kakubi kwiCAF Champions League kunyaka ophelileyo. IJwaneng Galaxy yakhupha iPirates emjikelweni wokuqala into eyayibeka ibala elibi kakhulu ebholeni.

Omabini amaqela angene emdlalweni efuna impumelelo ukuze aye emdlalweni olandelayo enento esandleni. Bekungekho lula kwiPirates ukwenza izinto ngendlela efuna ngayo ngoba iJwaneng Galaxy ibange inkundla yayo phambi kwabalandeli bayo.

Kuyiwe kwixesha lokuphuma kodwa iPirates ihambale mgama ngegowuli elinye eqandeni. Lifakwe nguTshegofatso Mabasa odibene nebhola ebizihambela wayibeka emnatheni. Ukufaka igowuli kwisigaba sokuqala yeyona nto ebibalulekile kakhulu kwiPirates.

Amakhwenkwe kaJose Riveiro engene kwisigaba sesibini efuna ukusonga umdlalo ngegowuli avale amazibuko. Khange ibeleke zandla kodwa nayo iJwaneng Galaxy. Izamile ukutyhala isiya phambili – kodwa ngelishwa ibifika uSipho Chaine evale mba ezipalini.

Ekuhambeni kwexesha, iPirates ikwazile ukufumana igowuli lesibini elifakwe nguDeon Hotto kwagqitywa. Ngalo ndlela iBucs ikwazile ukubuyisa isixhiba kwiqela elophula iintliziyo zabalandeli ababencwase ukubona iPirates iqhuba kakuhle.