iPirates ibeke iliso layo kwiSwallows ebaleka izembe

UThembinkosi Lorch we’Orlando Pirates noPentjie Zulu weSwallows FC emdlalweni weDStv Premiership. Umfanekiso: ©Gavin Barker/BackpagePix

Nangona isazikhotha amanxeba emva kokubethwa ngempelaveki egqithileyo, iOrlando Pirates iya kwiSwallows FC incwase ukufumana amanqaku amathathu. La maqela mabini aseSoweto aza kudibana emdlalweni weDStv Premiership oza kutshisa bhe eDobsonville Stadium ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngomso.

Ezimnyama ziya eDobsonville Stadium zinomsindo emva kokubethwa yiKaizer Chiefs ngegowuli elinye elifakwe nguOlisa Ndah ngempazamo emdlalweni obudikidiki eFNB Stadium. Ukubethwa kwePirates kuyivimbe ithuba lokususa iSuperSport United kwindawo yesibini kwatsho kwaphazamiseka nelinge layo lokubuyela kwiCAF Champions League okwethutyana.

Noxa iPirates inabadlali engabetha ngawo amaqela ekhuphisana nawo, kodwa ngeke iSwallows ifune ukubethwa ebaleni layo. Ngakumbi emva kokuba iSwallows izuze amanqaku apheleleyo ngokubetha iChippa United ngamagowuli amabini kwelinye eGqeberha kwiveki ephelileyo. Isekelamqeqeshi, uSergio Almenara, uthe into kufuneka bayiphose kwelokulibala yeyokubethwa kwePirates ukuze bajongane neSwallows.

Uza kubuyela esikhundleni sakhe uJose Riveiro emva kokuphoswa kwakhe yimidlalo emibini ngenxa yokusikwa kwakhe. “Akumnandanga kubalandeli bePirates kwaye kunjalo kubadlali nakuthi baqeqeshi. Inye ngoku into eza kusinceda kukuba silungiselele ukuqubisana neSwallows. Sizama ukujongana nomdlalo omnye ngexesha. Ngoku yiSwallows ephambi kwethu,” utshilo olisekela likaRiveiro.

Okuye kwakubi ngakumbi kukuba iChiefs iyibethe kuyo yomibini imidlalo yeDStv Premiership yesizini eqhubekayo. IPirates igqibe umdlalo ingaphelelanga ngenxa yekhadi elinikwe uInnocent Maela. “Kuye kwanyanzeleka ukuba senze iinguqu ngenxa yekhadi elibomvu elinikwe umdlali wethu. Sifake umdlali oza kusinceda emva ngoba besisazi ukuba siza kuba phantsi koxinizelelo,” utshilo uAlmenara.

Ngumdlalo lo uErnst Middendorp angathanda ukuwuphumelela njengokuba ezama ukusindisa iSwallows ezembeni. Umsebenzi wakhe ufumene ufunqu emva kokuba iSwallows FC ibethe iChippa United kwimpelaveki egqithileyo.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Lwesihlanu: Swallows FC vs Orlando Pirates @Dobsonville Stadium, 19:30

Mgqibelo: Richards Bay FC vs Kaizer Chiefs @King Zwelithini Stadium, 15:30; Royal Am vs Sekhukhune United @Chatsworth Stadium, 17:30; Maritzburg United vs Cape Town City @Harry Gwala Stadium, 20:00

Cawa: Chippa United vs AmaZulu @Nelson Mandela Bay Stadium, 15:30; Marumo Gallants vs TS Galaxy @Free State Stadium, 15:30; Stellenbosch FC vs Mamelodi Sundowns @Daine Crave Stadium, 15:30; SuperSport United vs Golden Arrows @Lucas Moripe Stadium, 17:45