iPirates ibethe Amatsatsantsa ngegowuli elinye emdlalweni weDStv Premiership!

UGrant Margeman weSupersport United noMonnapule Seleng we’Orlando Pirates emdlalweni weDStv Premiership obuse’Orlando Stadium. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Liya liba lushica idabi lendawo yesibini kwiDStv Premiership. Oku kuye kwacaca ngakumbi emva kokuba i’Orlando Pirates ibethe iSuperSport United ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obumhle e’Orlando Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Igowuli lempumelelo lithe gqi noTapelo Xoki kwisigaba sesibini. Amaqela awuqale umdlalo ngesantya esiphezulu. Omabini aye emdlalweni enenjongo yokubulalana njengesiqhelo xa edibene emidlalweni yeDStv Premiership. Iqela lasePitoli liqale lankqonkqoza ezipalini zeqela ebelidlalela ekhaya. UBradley Grobler uphantse wawabeka endaweni entle Amatsatsantsa – kodwa ngelishwa, ibhola yakhe iphume ecaleni.

Ibhola ibisuswe kakuhle ekoneni nguPatrick Maswangayi. Unozinti wePirates, oqhuba kakuhle kakhulu kwesi ntsuku, uSipho Chaine, wenze umsebenzi omhle kwangoko ezipalini zakhe. Emva koko uThembinkosi Lorch noKabelo Dlamini badlale ibhola – kodwa umzamo wabo uchithwe nguKegan Johannes emva. Phambi kokusongwa kwesigaba sokuqala, uKermit Erasmus ukhe wazama ukukhabela ezipalini – kodwa ibhola yakhe ithintelwe nguThulani Hlatshwayo. Emva koko naye uZakhele Lepasa ukhe wazama ngebhola ebihamba phantsi ephume ecaleni kweepali.

Kwisigaba khange enze nguqu kwelakhe iqela. Yena uJose Riveiro ukhuphe uErasmus noDlamini, iindawi zabo zithathwe nguFortune Makaringe no-Evidence Makgopa. EzikaMagebhula zizamile ukulwa emdlalweni zade zavuzwa emdlalweni ngepenela efakwe nguXoki kwisigaba sesibini somdlalo. Ipenela ivele emva kokuba kudlalwe kakubi uMonnapuleng Saleng emhlabeni kanozinti. Ukuphumelela kwayo iPirates ziindaba ezimnandi kubalandeli bayo ngoba nangona isekwindawo yesithathu – kodwa ishiywa ngamanqaku amabini yiSuperSport United ihleli kwindawo yesibini emva kweMamelodi Sundowns ebethwa ngumoya phezulu.