Ifumene amanqaku amathathu i-Orlando Pirates emva kokubetha iSwallows FC ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni wokuqala weDStv Premiership obubanjelwe e-Orlando Stadium emalanga namhlanje. Lo ibingumdlalo wokuqala phantsi komqeqeshi weBucs omtsha, uJose Riveiro, othathe indawo kaMandla Ncikazi noFadlu Davids abebeqeqesha ngokubambisana kwisizini egqithileyo. Ezimnyama ziqale umdlalo ngabadlali abatsha abafana noTapelo Xoki, uNkosinathi Sibisi noBienvenu Eva Nga. Yona iSwallows idlale ngaphandle komqeqeshi, uDylan Kerr, osalinde amaphephamvume okusebenza eMzantsi Afrika.
Umdlalo uqale ngezinga eliphezulu – kodwa yiPirates ekwazileyo ukubhalisa ebhodini phambi kwexesha lokuphumla. Igowuli ephumelele ngalo iPirates lifakwe yifolosi esuka kwiChippa United, uEva Nga. Nakubeni omabini amaqela ezamile ukudala amathuba okufaka amagowuli emdlalweni – kodwa iSwallows ayikwazanga ukuwasebenzisa kakuhle awayo. Isidlale kakuhle isiqingatha sokuqala iPirates kwaye bekufanele ukuba iye ekhefini ihamba phambili ngenqwaba yamagowuli. UKabelo Dlamini noSibisi boyiswe kukusebenzisa amathuba ebemahle kakhulu. Zijikile izinto kwisigaba sesibini kancinci. Abadlali beSwallows babuye bengxolisiwe.
Badlale ibhola ebhetele kunePirates. Iinyoni zaseDube ngezigoduke nenqaku elinye – kodwa usompempe ukhethe ukungaziniki ipenela ecacileyo. USibisi uwise uPatjie emhlabeni kanozinti, ngelo xesha usompempe engekudanga kwindawo yesehlo. Komnye umdlalo, iRichards Bay yothuse abantu abaninzi xa ihlaza iGolden Arrows ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weDStv Premiership wobukhaya ePrincess Magogo Stadium emalanga namhlanje. Emdlalweni wokuqala izolo ebusuku, iMamelodi Sundowns ibethe iCape Town City ngamagowuli amabini eqandeni eCape Town Stadium.
Orlando Pirates: Ofori, Xoki, Sibisi, Maela, Hotto, Monare, Mosele, Nonyane, Dlamini, Lorch, Eva Nga.
Amalalela: Mpontshane, Ndah, Mako, Shandu, Lepasa, Tlolane, Makaringe, Motshwari, Timm.
Swallows: Mbanjwa, Damons, Sasman, Sait, Khupe, Mngonyama, Mtshali, Wambi, Patjie, Isaacs.
Amalalela: Ngobeni, Sibiya, Allan, Lukhubeni, Musonda, Mbhele, Amoojee, Mthethwa, Mtshali.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!