Uvuye okosana
umqeqeshi we-Orlando Pirates, uRhulani Mokwena, emva kokuba iqela lakhe libethe
iHighlands Park ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni we-Absa Premiership
obubanjelwe eMakhulong Stadium ebusuku namhlanje. Ezimnyama zikhululwe
engxakini nguTshegofatso Mabasa ofake ibhola ayinikelwe nguLinda Mntambo
ofumene iwonga lomdlali oqaqambileyo emdlalweni. Ubonakele elalele uMabasa –
kodwa ke umncedisi kasompempe akakwazanga ukuyibona lo nto. Impumelelo yePirates
iyibuyisele kwiTop 8 – logama yona iHighlands Parks isahleli kwindawo yesine. UMokwena
uqale umdlalo ngabadlali abafana noMthokozisi Dube noBen Motshwari obekhe
akadlaliswa ixesha elide ngenxa yokonzakala. UThembinkosi Lorch akadlaliswanga
namhlanje ngoba bekusoyikiselwa ukuba angafumana ikhadi elinokubangela aphoswe
ngumdlalo omkhulu ophakathi kwePirates neKaizer Chiefs ngempelaveki.
Axhwithene zisuka
amaqela umdlalo usaqala. Ibhola ebingqutywe nguVincent Pule iqabele ngaphezulu
kwepali emva kokudlalelwa nguPaseka Mako ekunxele kwimizuzu yokuqala. UBen
Motshwari noLinda Mntambo benze umsebenzi oncomekayo esiswini ngoba kulapho
nayo
icala
Sandilands izihlandlo eziliqela uTendai Ndoro efun’ intw’ ibilapha. Nangona amaqela
eye kwixesha lokuphuma engabhalisanga ebhodini – kodwa abuye esenamandla. Elona
qela elikwazileyo ukudala amathuba acacileyo
noxa ingaphumelelanga. Yona iPirates, ngaphandle kwamathuba ayekwe nguPule –
akukho nto ingako eyenzileyo nakubeni umdlalo ubulawulwa yiyo. Abadlali
beHighlands abazivumelanga iifolosi zePirates zisondele kwiindawo eziyingozi
emdlalweni. Ukuphumelela kwePirates kuza kukhuthaza abadlali bayo phambi
komdlalo obalulekileyo weTelkom Knockout.
Mbhele, Msimango, Rae, Mbunjana, Williams, Mbatha, Shalulile, Mvala, Ndoro.
Amalalela: Heugh, Mogaila, Msane,
Letsholonyane, Jooste, Motsepe, Nyembe.
Pirates: Sandilands, Jele, Maela, Nyauza,
Dube, Mako, Mntambo, Motshwari, Pule, Shonga, Mabasa
Amalalela: Delle, Mabaso, Makaringe, Dlamini,
Mulenga, Muwowo, Mhango.
UTinkler ufuna ukuyibetha iChiefs – qha unexhala leefolosi zayo!