IPirates ibuyele ngesitayile kwiCaf Champions League

Linda Mntambo and Augustine Mulenga of Orlando Pirates challenges Albert Rose of Lightstars FC during the Champions League 2018/19 match between Orlando Pirates and Lightstars FC at Orlando Stadium on 28 November 2018 @Aubrey KgakatsiBackpagePix

Emva kweminyaka
eliqela ingasathathi nxaxheba, i-Orlando Pirates ibuyele ngesitayile kwiCaf
Champions League ngokubetha iLight Stars yaseSeychelles ngamagowuli amahlanu kwelinye
(5-1) emdlalweni obubanjelwe e-Orlando Stadium kule veki. Umqeqeshi wePirates,
uMilutin “Micho” Sredojevic, usebenzise abadlali abaliqela abangaqhelanga
kudlala. Ngethamsanqa lakhe, phantse bonke balibambe ngezandla zozibini ithuba
abalifumeneyo lokubonisa umqeqeshi wabo okokuba bakulungele ukudlala nanini na.
Amagowuli weBucs afakwe nguThabo Qalinge, u-Augustin Mulenga, uMpho Makola, uJustine
Shonga noLinda Mntambo.

Umdlalo uqale
ngesantya esiphezulu futhi omabini amaqela abonise ukuyinxanelwa impumelelo.
Ziindwendwe ezitsazise igazi kuqala emdlalweni ngegowuli elifakwe nguMario Ravo
kumzuzu weshumi elinesixhenxe. Kwisithuba semizuzu esixhenxe emva koko,
uQalinge ufake igowuli lokuqala lePirates emva kokucishilela ibhola ebuyele
ebaleni emva komsebenzi omhle owenziwe nguKudakwashe Mahachi. Amagowuli afakwe
nguMulenga noMakole aqinisekisile ukuba iPirates iya kwixesha lokuphuma ihamba
phambili ngo’3-1. Kwisigaba sesibini, uShonga noMntambo bafake awabo amagowuli.
Kwimidlalo yeCaf Confederation Cup, iKaizer Chiefs ivuthulule iZimamoto ngo’4-0
emdlalweni obuseBhayi. Yona iFree State Stars ibambene ngeqanda neMukura
Victory Sports emdlalweni obubanjelwe eBidvest Wits.

NgoMgqibelo,
iPirates yamkela iMaritzburg United emdlalweni we-Absa Premier Soccer League
ozakube use-Orlando Stadium. Iqela likaMicho liza kujongana neTeam of Choice
lizithembile emva kokuphumelela umdlalo weChampions League. Ubaluleke kakhulu
lo mdlalo kuwo omabini amaqela. IPirates ikhangela impumelelo ukuze ibethelele
indawo yayo phezulu kwiPSL. Kanti yona iMaritzburg iyasokola kule isizini yePSL
ka-2018/19. Impumelelo iya kuyinceda inyukele ngasentla kunendawo ekuyo ngoku.