IPirates ifumene urhasatsha wefolosi eNigeria

UChristian Obiozor ngumdlalo omtsha we-Orlando Pirates. Umfanekiso: sportsrollcall.com

Njengokuba kusondela ukuvulwa kwesizini entsha, onke amaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League axakekile emakethe – apho akhangela khona abadlali abatsha. Nayo i-Orlando Pirates lelinye lamaqela axakekileyo kakhulu kule nyoba yokuthengwa kwabadlali. Izolo ibhengeze ifolosi entsha egama linguChristian Obiozor. Le ndedeba, eneminyaka engamashumi amabini anesibini, isuka kwilizwe laseNigeria – apho ibidlalela iqela elikhulu nelaziwayo kwela lizwe nakwi-Afrika  – iEnyimba.

“Sazisa uChristian Obiozor njengomdlali wethu omtsha,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiBucs.

UChristian Obiozor lo uza kwiBucs etsale nzima kakhulu iisizini zade zalandelelana. Kulindeleke ukuba akhuphisane namadoda aziwayo kweZimnyama afana noThamsanqa Gabuza noTendai Ndoro – eyona ndoda efake amagowuli amaninzi kwiPirates kwisizini edlulileyo. Amava awafumene ngenxa yokubandakanyeka kwakhe u-Obiozor kwiCaf Champions League angalulutho kwiBucs ekulindeleke idlale umdlalo omkhulu weCarling Black Label neembangi zayo iKaizer Chiefs phambi kokuphela kwale nyanga.

Kanti eli qela laseSoweto libhengeze uWayne Arendse noThamsanqa Sangweni njengabadlali balo abatsha. Basokhona abanye abadlali ekulindeleke bathengwe yiPirates phambi kokuvulwa kwesizini entsha.