IPirates ifuna impindezelo kwiSundowns

UMusa Nyatama weOrlando Piratesumfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Umdlalo ozakutsala umdla wabantu kule mpelaveki uphakathi kwamaqela amakhulu eMzantsi.

IMamelodi Sundowns ingquzulana ne-Orlando Pirates kumdlalo ekulindeleke ubenzima eLoftus Versfeld ngo’15:30 ngoMgqibelo.

La maqela aya kumdlalo wempelaveki ekhuthazekile kakhulu emva kokuphumelela imidlalo yawo egqithileyo.

Ezimnyama zicambalalise iBaroka FC esokolisayo ngo’3-1, logama yona iDowns ibethe i-Ajax Cape Town ngo’2-1 ekuqaleni kwale veki emva kokubethwa yiPolokwane City ngo’3-2 kwiveki ephelileyo.

Xa kudlala la amanqaku kubakho ingqiniseko ukuba kuzakubakho eliphumelelayo ngoba ayaxhelana apho adibene khona.

Abadlali bePirates basenohohoma wesingqukru emva kokoquthiswa ngo’6-0 yiSundowns kwisizini edlulileyo.

Umdlali-siswini weBucs otshisa bhe, uMusa Nyatama, uthi akafuni bayifake entloko bengabadlali into yokubethwa yiSundowns.

Into ayifunayo yena kukuba iPirates kufuneka iziphindezele kwiDowns.

UMyatama ngomnye wamasoja kaMilutin Sredojevic athembekileyo nekulindeleke adlale indima ebalulekileyo kumdlalo wempelaveki.

Le ndedeba inethemba lokuba impumelelo izakufunqula ukuzithemba kwabadlali bePirates.

“Iyandigcobisa indlela endiqhuba ngayo apha kwiPirates nangona besike asaqhuba kakuhle. Ukuphumelela umdlalo kungaqinisa ukuzithemba kubadlali. Kuzakuba nzima ukudlala neSundowns – kodwa nathi kufuneka siwuphumelele lo umdlalo. Kwisizini egqithileyo, abalandeli baphetha sebebetha abadlali bebatyhola ngokungazimiseli emva kokubethwa ngo’6-0 yiDowns,” utshilo uNyatama.

Eyona nto ezakwenza umdlalo nguManyisa obedlalela iPirates ozakube efuna ukubetha iqela lakhe langaphambili.

UPitso Mosimane uya kulo mdlalo echwayitile entliziyweni emva kokuba iDowns ibethe i-Ajax.

“Iyandonwabisa indlela abawuphathe ngayo abadlali la mdlalo. Kuye kwacaca ukuba banamava weChampions League,” utshilo uPitso.

UMicho uzakuthembela kubadlali abafana noLuvuyo Memela, uMpho Makola noNyatama abenze iziqwenga ngethuba iBucs idlala neBaroka.

Yona iDowns izakube ixhathise ngoHlompho Kekana, uPercy Tau, uThemba Zwane noSibusiso Vilakazi.