IPirates ifuna umdlali weGolden Arrows

UKudakwashe Mahachi weGolden Arrows uzakudlalela iOrlando Pirates kwisizini ezayo umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Umdlali odlala esiswini kwiGolden Arrows, uKudakwashe Mahachi, ufunwa kakhulu yi-Orlando Pirates kwaye sele ihlabele mgama namalungiselelo okumthatha.

Abakufutshane nabasemagunyeni baxelele i-Independent Media ukuba uMahachi uzakube edlalela iPirates kwisizini ezayo.

Lo mdlali waseZimbabwe udlalela Abafana Bes’thende emva kokumnikwa ngemboleko yiMamelodi Sundowns engazange imsebenzise.

“UMahachi uya kwiBucs kwisizini ezayo. Kugqityiwe ngayo lo nto. Amaqela avumelana ukuba makabe yinxalenye yesivumelwano sika-Oupa Manyisa oye kwiSundowns ekuqaleni kwesizini. Akazudlalela iDowns okanye i-Arrows kwisizini ezayo lo mdlali. Kudala efunwa yiPirates,” utshilo okufutshane.

UMahachi wagaleleka eMzantsi Afrika kwiminyaka emithathu edlulileyo kukho ithemba lokufumana indumasi – kodwa izinto zange zimhambele kakuhle kwiDowns. Waya kwiGolden Arrows – apho adlale khona iisizini ezimbini. Isithethi seSundowns asifunanga kuphawula ngalo mba.

Kwelinye icala, isithethi sePirates, uThandi Merafe, uthe beliqela abathethi ngemiba edibene nokuthengwa kwabadlali.

“Sijonge umdlalo wethu neFree State Stars. Asifuni kwanto ezakusiphazamisa ke. Okwangoku, akukho nto esinokuyithetha kude kuvulwe ithuba lokuthenga abadlali,” utshilo uMerafe.

Emva kokubambana naMaZulu ngo’1-1 kwiveki ephelileyo, iPirates idibana neStars kumdlalo wePSL ngo’18:00 eGoble Park Stadium ngoMgqibelo.