IPirates ihleli phezulu emva kokubetha iCape Town City

Iintsuku zolonwabo ziyabuya kwesikaMabinzela. Oku kulandela ukuphumelela kwe-Orlando Pirates ebethe iCape Town City ngo’1-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obunomtsalane eFNB Stadium ebusuku namhlanje. Igowuli lempumelelo lifakwe nguThabo Qalinge kanye phambi kokuphela komdlalo emva kokuphiwa okwentonga yomnquma ibhola nguShauib Walters ongakwazanga ukubona ingozi emva kwakhe. Emva kwempumelelo yanamhlanje, iPirates ihleli phezulu kwiPSL emva kokuqokelela amanqaku amathathu kumdlalo wayo wesihlanu kule sizini.

Umdlalo ubudikidiki kwimizuzu yokuqala – kodwa kuthe emva kwemizuzu elishumi umdlalo uqhuba kwaqala kwabonakala. Izitshovutshovu zabadlali beCape Town City ezifana noLyle Laka, uLehlohonolo Majoro no-Ayanda Patosi zizamile ukumvavanya uWayne Sandilands – kodwa zifike ethe qwa ezipalini. Amabhakaniya abuyele nawo emdlalweni nangona bekungekho lwamvila kangako. Kwisigaba sesibini abaqeqeshi benze iinguqu bobabini. UBenni McCarthy ufake uLetsie Koapeng endaweni kaRoland Putche, uVictor Obina no-Edmilson wakhupha uMajoro no-Ebrahim Seedat – kanti yena uMilutin Sredojevic ufake umdlali osemncinane uLyle Foster endaweni kaBernard Morrison. Indlela adlale ngayo uFoster noLuvuyo Memela, uQalinge noMpho Makola ingumangaliso.

ULuc Eymael ubethe iintaka ezimbini ngelitye elinye namhlanje. Iqela lakhe, iFree State Stars, lifumene impumelelo yalo yokuqala kule sizini ngoubetha iPolokwane City ngo’3-2 ebefudula eyiqeqesha nomsokolise kakhulu kwisizini edlulileyo. Amagowuli amabini weStars afakwe nguMohammed Anas, elesithathu lifakwe nguPaulus Masehe. IPolokwane ifumene intuthuzelo ngamagowuli afakwe nguWalter Musona noSammy Seabi. Yona iSuperSport United ibambene ngo’1-1 neChippa United kumdlalo obuseLucas Moripe Stadium.

Orlando Pirates: Sandilands, Jele, Nyauza, Maela, Dube, Matlaba, Nyatama, Qalinge, Makola, Lorch, Morrison. 

Cape Town City: Walters, Mkhize, Fielies, Johannes, Seedat, Matsi, Putsche, Nodada, Lakay, Patosi, Majoro.