IPirates ihleli phezulu kwiPSL emva kokubetha iPolokwane

Linda Mntambo of Orlando Pirates and Vusimusi Mngomezulu of Polokwane City during the Absa Premiership 2018/19 game between Polokwane City and Orlando Pirates at Peter Mokaba Stadium in Polokwane the on 06 Novermber 2018 © Kabelo Leputu/BackpagePix

Ihleli phezulu
i-Orlando Pirates kwi-Absa Premier Soccer League emva kokubetha iPolokwane City
ngo’2-1 kumdlalo obunomtsalane ePeter Mokaba Stadium ebusuku namhlanje. Amagowuli
amabini weZimnyama afakwe nguMarcelo da Silva noJustin Shonga kwisigaba
sesibini somdlalo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho nto ebhodini. Isiquququ sefolosi
yeCity, uRodney Ramagalela uphantse wayonzakalisa iPirates zizuka nje
emdlalweni emva kokutsala ibhola enzima – kodwa eye yabanjwa nunozinti weBucs. Iqela
ebelidlalela ekhaya liphinde lazama kwakhona lisebenzisa uVusimusi Mngomezulu –
kodwa neyakhe ibhola ifike unozinti ethe qwa.

Iswabuluke emva
kwexesha elide iPirates, mhlawumbi unobangela kukuba uMilutin Sredojevic
ukhethe ukuqala umdlalo ngabadlali abangaqhelanga kudlala abafana noMpho Makola
noQalinge. Umdlali wasemva uAsavela Mbekile uphinde wafumana elinye ithuba
lokubethelela indawo yakhe kwiPirates emva kokuqhuba kakuhle xeshikweni iqela
lakhe libetha AmaZulu FC ngo’3-1 kumdlalo weTelkom Knockout kwimpelaveki
ephelileyo. Badlale kakuhle abadlali bePolokwane City – kodwa amandla wabo aye
ehla emva kokungena kwegoli lokuqala. Igowuli layo lokubika lifakwe ngentloko
ngu-Ayanda Nkili ngomzuzu wokugqibela emdlalweni. Ngoku iPirates iyakhokela kwiPSL, inamanqaku angamashumi amabini anesibini ewaqokelele kwimidlalo elishumi elinesibini.

 

Polokwane
City: 
Chigova, Manaka,
Mbonani, Hlongwane (Musona 71’), Nkili, Mngomezulu, Maluleke, Seabi, Phiri (Tlolane
78’), Booi (Wagaba 84’), Ramagalela.

Amalalela: Mvelase, Musona, Sikhosana, Baloyi, Wagaba, Tlolane, Ndlovu.

Orlando
Pirates: 
Mabokgwane, Jele, Munetsi,
Mbekile (Kutumela 58’), Da Silva, Mntambo, Makola, Lorch (Mabaso 70’), Qalinge,
Mako, Shonga (Mahachi 83’).

Amalalela: Sandilands, Mabaso, Mlambo, Maphangule, Mahachi, Pule, Kutumela.