iPirates ilahle amathuba, yona iGallants icambalalise iBaroka FC!

UBrice Ambina weCape Town City noKwame Peprah we-Orlando Pirates emdlalweni weDStv Premiership obuse-Orlando Stadium namhlanje. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Ayikwazanga ukufumana amanqaku apheleleyo i-Orlando Pirates emva kokuyeka inqwaba yamathuba emdlalweni wanamhlanje. Ezimnyama zibambene neCape Town City ngenqanda emdlalweni weDStv Premiership obutshisa ngeyonandlela e-Orlando Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Umdlalo utake iintlantsi zisuka – kodwa yiPirates ebinamandla nekwaziyo ukudala amathuba kwisigaba sokuqala somdlalo. UDeon Hotto noBandile Shandu bafumene amathuba amahle okubeka iPirates endaweni entle emdlalweni – kodwa iinzame zabo azizelanga amathokazi.

Isigaba sokuqala somdlalo siphele kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini – kodwa Hugo Marques weCity ngoyena nozinti obexakekile kunoSiyabonga Mpontshane wePirates. Izinto ziye zohluka kancinci kwisigaba sesibini emva kokuba uEric Tinkler efake abadlali abatsha emdlalweni. Nangona iCity ikwazile ukudla umdlalo ongcono kwisigaba sesibini – kodwa ayikwazanga nayo ukuwasebenzisa amathuba ewafumeneyo. AmaBhakaniya adlalile kakhulu nangona ephose amanye amathuba kwisigaba sesibini.

Ukungena kukaZakhele Lepasa akwenzanga mahluko kwaye abaqeqeshi bePirates inokuba baxhalabile yindlela abadlali ababhutyuza ngayo ibhola njengokuba belungiselela umdlalo omkhulu ophakathi kwePirates neChiefs ngempelaveki. Komnye umdlalo obulidabi laseLimpopo, iMarumo Gallants icambalalise iBaroka FC ngemvula yamagowuli amathathu emdlalweni weDStv Premiership ngorhatya namhlanje. Iya izika ngamandla iBaroka esetshobeni, kanti yona iGallants, ebethe iChippa United ngo’3-2 kwiveki ephelileyo, ihleli kwindawo yeshumi elinanye.

Orlando Pirates: Mpontshane, Nyauza, Ndah, Shandu, Mako, Makaringe, Monare, Mosele, Dlamini, Hotto, Peprah.

Amalalela: Sandilands, Dzvukamanja, Mntambo, Lepasa, Maela, Jooste, Mhango, Motshwari, Jele.