IPirates iphise ngomdlalo kwiBaroka ikhokela emdlalweni wanamhlanje

Gabadinho Mhango of Orlando Pirates and Kamohelo Mogashwa of Baroka FC during the Absa Premiership 2019/20 game between Baroka FC and Orlando Pirates at Peter Mokaba Stadium in Limpopo the on 07 December 2019 Kabelo Leputu/BackpagePix

Abalandeli
be-Orlando Pirates bathe khunubembe emva kokuba iqela labo liphise ngomdlalo
we-Absa Premiership obuphakathi kwalo neBaroka obusePeter Mokaba Stadium.
IPirates ebihamba phambili ngamagowuli amabini, iphethe umdlalo sele ibambene
ngamagowuli amabini (2-2) neBaroka eye emdlalweni ikhangela amanqaku
anokuyibeka endaweni entle kwiPSL. Omabini amaqela akayiqalanga kakuhle isizini
– kodwa yiPirates ephantsi koxinizelelo kakhulu ngenxa yokungade iyifumane
igiya ebihamba ngayo kwisizini egqithileyo ngethuba kusekho uMilutin Sredojevic
omke ekuqaleni kwesizini wayokuqeqesha iZamalek kwelaseYiphutha. Amagowuli
wePirates afakwe nguVincent Pule noLinda Mntambo. Ephendule nawo iBaroka afakwe
nguHappy Jele ngempazamo noGerald Phiri. Ukungazuzi kwayo amanqaku apheleleyo
iPirates emdlalweni wanamhlanje, kwenza kube nzima kakhulu kuyo ukuvala
umsantsa ophakathi kwayo namaqela aphambili kwiPSL afana neKaizer Chiefs
neMamelodi Sundowns.

Baroka: Chipezeze, Mogashoa, Shozi, Farmer, Ngubane, Patjie,
Mosele, Mdantsane, Mabeba, Phiri Jnr,  Nxumalo.

Amalalela:Gebhardt, Madondo, Madigoe, Kambala, Makgaka.

Pirates: Sandilands, Maela, Nyauza, Jele, Mabaso, Motshwari,
Mntambo, Mako, Makaringe, Pule, Mhango

Amalalela: Mpontshane, Sam, Ndlovu, Memela, Dlamini, Mulenga,
Mabasa