IPirates iquthiswe yiCape Town City ebinabadlali abangaphelelanga

Nkanyiso Zungu of Orlando Pirates challenged by Kermit Erasmus of Cape Town City during the Absa Premiership 2019/20 match between Cape Town City and Orlando Pirates at Loftus Versfeld Stadium on 23 August 2020. Samuel Shivambu/BackpagePix

Amathuba
we-Orlando Pirates okufumana amaqela aphezulu okanye okufumana indawo yesibini kwiPSL
aya encipha emva kokuba ibethwe ngegowuli elinye eqandeni (1-0) yiCape Town
City ekelemileyo emdlalweni we-Absa Premiership obubanjelwe eLoftus Stadium
ngenjikalanga yanamhlanje. Iqela laseKapa liphumelele ngegowuli elifakwe
yifolosi eyayidlalela iBucs, uKermit Erasmus, kwisigaba sokuqala somdlalo. Emva
kwempumelelo yanamhlanje, ngoku iCape
Town City

ikwindawo yesixhenxe kwaye ilwela ukufumana indawo kumaqela asibhozo aza
kudlala iMTN 8 ekuthambekeni konyaka. Ezimnyama azikaphumeleli namnye umdlalo
kwemithandathu eziyidlale ukusukela oko kuthe kwabuya imidlalo yePSL ebikhe
yankqunyanyiswa ngenxa yekhorona. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iPirates ihamba
emva kwiCity ebikhe yaguqisa phantsi iMamelodi Sundowns kwiveki ephelileyo.

Kermit Erasmus
uphantse wayifaka engozini kwakwimizuzu yokuqala iPirates emdlalweni – kodwa kuthe
gqi uHappy Jele owenze umsebenzi omhle. UMpho Makola uye wakhutshwa ngekhadi
elibomvu emva kokunikwa ikhadi lesibini elityheli ngenxa yokudlala kakubi
umdlali weBucs. AmaBhakaniya anyuse umxakatho emdlalweni efuna igowuli
lokulinganisa. Emzuzwini wamashumi amathandathu anesithathu, iPirates ifumene
ipenela emva kokuwiswa kukaLuvuyo Memela nguThabo Nodada – kodwa usompempe uye
wasijika isigqibo sakhe emva kokubonisana nesekela lakhe. Abadlali abafana
noKabelo Dlamini noLinda Mntambo bazamile ukufumana amagowuli – kodwa uPeter Leeuwenburgh
uvale kwanto kwade kwaphela umdlalo. Ngoku iPirates isazinzile kwindawo
yesihlanu emva kokungakwazi ukuphumelela imidlalo emithandathu yonke.