Iintshatsheli ezintsha zeMTN8 zalo nyaka yiOrlando Pirates! Abalandeli bebhola ekhatywayo abangaphaya kwamashumi amahlanu amawaka babe ngamangqina iPirates ibetha AmaZulu ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni weMTN8 obushushu ngendlela emangalisayo eMoses Mabhida Stadium namhlanje ngorhatya. Eli lityeli lesine iBucs iphakamisa indebe yeMTN8 ukusukela ngonyaka ka-2008. Lo nto ithethe ukuthi iPirates iza kuyigcina naphakade indebe nanjengoko uMTN ebesetshilo ukuba uza kwenza entsha kunyaka ozayo. Igowuli ephumelele ngalo iPirates lifakwe liqhawe lanamhlanje uMonnapule Saleng – okhabe ibhola entle wayiva ngobaliselwa uVeli Mothwa ezipalini kwisigaba sokuqala somdlalo.
Omabini amaqela ebekufuna ukuphumelela, indlela axheshene ngayo ibibonisa ukuba ayifuna ngokwenene indebe yeMTN8 ekhatshwa zizigidi ezisibhozo zerandi (R8-million). Nangona bekusiliwa emdlalweni – kodwa yiPirates ebinamandla. Yiyo ebilawula umdlalo, yiyo edale amathuba amaninzi nefumene igowuli elibaluleyo nebe kuphela kwalo emdlalweni wanamhlanje. Iqela likaJose Riveiro liqhwalele kwangomzuzu wokuqala ngethuba uNkosinathi Sibisi ekhutshwa emdlalweni emva kokunyathelwa kabuhlungu nguGabadinho Mhango obekufuna shushu ukubetha iPirates ebekhe wayidlalela. Nangona kube njalo, uXoki noNdah bakwazile ukulwa kwade kwase kugqibeleni. AmaZulu abuye ngamandla kwisigaba sesibini futhi azamile nokudala amathuba acacileyo emdlalweni.
Ukuba ibhola ebingqutywe ngentloko nguMajoro ebingabethanga epalini – mhlawumbi ngekuthethwe ezinye iindaba ngoba umdlalo ubuza kuguquka ngokupheleleyo. Nawo AmaZulu aye alahlekelwa nguRamahlwe Mphahlele ogqutywe nguRichards Ofori besilwela ibhola. UGeorge Maluleka noMakhehleni Makhaula bazamile ukulwa esiswini – kodwa bebedibene neentanga zabo, uMiguel Tim noNdabayithethwa Ndlondlo abawagcine exakekile AmaZulu emdlalweni wanamhlanje. Emva kweenyanga ezimbalwa efikile kwiPirates, uRiveiro ungomnye wabaqeqeshi abakwazileyo ukuphumelela indebe kwisizini yokuqala. Ngonyaka ka-2020, iPirates yayiphumelela indebe yeMTN8 kusekho uJosef Zinnbauer bengekho abalandeli ngenxa yeKhorona. IPirates iphumelele umdlalo ngegowuli elinye.
IPirates idibana neentanga zayo namhlanje kwiMTN8, utsho uSage Stephens!