IPirates izakungena kwiTop 8, utsho uDoni

Umlandeli we-Orlando Pirate uSiyakudumisa Doni

Umlandeli weBhakaniya uthi usenethemba lendebe nangona iqela lakhe lingaqhubi kakuhle kwimidlalo yePSL.

Pedro Mapelo: Molo Mhlekazi, unjani?

Umlandeli: Ndiphilile, unjani wena?

PM: Kuhle nakum. Gqaba gqaba, kwawuzazise Mhlekazi.

Umlandeli: Igama lam ndinguSiyakudumisa Doni, ndihlala kwilali yaseMthentu – eMthatha. Ndingumlandeli omkhulu we-Orlando Pirates.

PM: Enkosi ngalo ngcaciso. Umtshato wakho neBucs waqala nini?

Siyakudumisa Doni: Le nto yaqala ngo’1995 ngethuba iPirates iphumelela indebe yeCaf Champions League.

Ngoko kwakusekho abadlali endandibathanda abafana noBrendon Silent, uDumisa Ngobe noJerry Sikhosana. Ukusukela ngoko zange ndiphinde ndijonge ngemva. Ngoku ndililungu elipheleleyo loMthatha Orlando Pirates Supporters Branch.

PM: Sesiphi isiganeko ongasoze usilibale njengomlandeli wePirates?

SD: Uyabona, ukubethwa kwePirates ngo’6-0 nokubethwa ngo’6-1 yiSuperSport United – zizinto endingasoze ndizilibale ngoba zandikhathaza. Andinakuyilibala iBucs ibamba iindebe ezintathu ngexesha likaRud Krol. Ngalo mihla kwakukho noBenni McCarthy owasinceda kakhulu. Nokudlala kwePirates izihlandlo ezibini kwiChampions League yenye yezinto ezingalibalekiyo kum.

PM: Ayiqhubi kakuhle iPirates kwimidlalo yePremier League kodwa ithe chu kwiNedbank Cup?

SD: Andingethi makuthengwe abadlali ngoba bakhona. Qha abanye abanikwa thuba lokudlala ngumqeqeshi. Umqeqeshi makanike nabanye abadlali ithuba lokudlala. Siqhuba kakuhle kwiNedbank Cup futhi sizakuyiphumelela. Ukubetha kwethu iFree State Stars kuzakusinceda kwimidlalo yePSL. Ndiqinisekile ukuba siyangena kwiTop 8.

PM: Ngubani umdlali omthandayo?

SD: NguLuvuyo Memela ngoba uyayazi into amakayenze xa ephethe ibhola ebaleni. Ithemba ndibanalo xa kukho yena ebaleni. Udlala kakuhle kakhulu.