IPirates izithathele amanqaku amathathu kwiChiefs ebineempazamo eziliqela

Willard Katsande go Kaizer Chiefs challenges Innocent Maela of Orlando Pirates during the Absa Premiership match between Orlando Pirates and Kaizer Chiefs on the 27 October 2018 at FNB Stadium, Soweto / Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Ancume
aveza nawokugqibela Amabhakabhaka emva kokuzithathela amanqaku amathathu
kwiKaizer Chiefs ebineempazamo ezininzi kwisigaba sokuqala. Amagowuli
amabini afakwe ngu-Innocent Maela noVincent Pule kwisithuba semizuzu emithathu
kwisiqingatha sokuqala ngawo ancede i-Orlando Pirates ukuze ibethe iChiefs ngo’2-1 kumdlalo obubukelwe ngamawakawaka eFNB Stadium ngale njikalanga. Umdlalo wona
ubunika umdla futhi unamathuba angasetyenziswanga macala nakubeni ubudlalela
kwimozulu etshisayo eGoli. Umqeqeshi
weChiefs ukhethe ukuqala ngoMario Booysen noSiyabonga Ngezane abenze iimpazamo
ezimbi kakulu kwisigaba sokuqala somdlalo. UJustine Shonga no-Augustine Mulenga
ngebefake amagowuli aliqela ukuba bebekwazile ukusebenzisa kakuhle amathuba
ngoba umdlalo weChiefs emva ubungadibenanga. Amakhwenkwe kaSolinas aqale
kakuhle nakubeni aye onganyelwa yiPirates. Nakwesesibini isigaba,
iChiefs ibiyiyo esebholeni – kodwa ayikwazanga ukufaka amagowuli.

Nangona isiqingatha
sokuqala besidlalelwa kwingqantsini yelanga eGoli – kodwa siye sanika umdla
kakhulu ngoba besinawo amagowuli kakhulu. Ifuthe lelanga libanyanzele abadlali
ukuba bathobe isantya. UVincent Pule unikele uThembinkosi Lorch ibhola entle
emhlabeni kanozinti zisuka emdlalweni – iChiefs ihlangulwe kukuphuma
kuka-Itumeleng Khune kwangoko. Izinto ziqale ukunika umdla ngakumbi xeshikweni
uKhama Billiat efaka igowuli lokuqala kwidabi laseSoweto nelomdlalo kumzuzu
weshumi elinesihlanu. Emva kwemizuzu elishumi uKhune uvale ipenela ebikhatywe
nguJustine Shonga. Emva kwemizuzu emithathu, u-Innocent Maela ufake
elokulinganisa emva kokungquba ibhola ebisuka ekoneni. UPule uvalele emnatheni
igowuli lesibini leBucs emva kwebhola edlalwe kakuhle nguShonga noMulenga.

Amakhosi
abuye enxanelwe igowuli. ULeonardo Castro uchwakaze ibhole ebanjwe lula
nguSiyabonga Mpontshane emva kokunikelwa ibhola ephucukileyoebisuka kuSiphelele
Ntshangase ocande amadoda phakathi ebaleni. Amakhosi aphinde adlala ngelinye
ithuba; uCastro noBilliat badlale kakuhle – kodwa akayikhabanga kakuhle
uBilliat ibhola isuka kuRamahlwe Mphahlele ekunene. UShonga uphose elinye
ithuba uKhune elele phantsi. Emva koko uye wakhutshwa, endaweni yakhe kungene
uLinda Mntambo. IChiefs idlale umdlalo ophucukileyo kwisigaba sesibini – kodwa akukho
mathuba acacileyo ewadalileyo. UGiovani Solinas ukhuphe uCastro noBilliat –
iindawo zabo zithathwe nguHendrick Ekstein noKabelo Mahlasela abancede abadlale
kakuhle xeshikweni iChiefs ibetha iBlack Leopards kwiTelkom kwiveki ephelileyo.
Amakhosi aphose ithuba elihle lokulinganisa kumzuzu wamashumi asibhozo
anesibini.


Orlando Pirates: Siyabonga Mpontshane, Happy Jele, Munetsi, Abbubaker Mobara,
Innocent Maela, Xola Mlambo, Ben Motshwari, Vincent Pule, Thembinkosi Lorch, Justine
Shonga, Augustine Mulenga.


Amalalela: Jackson Mabokgwane, Marcelo
Da Silva, Mpho Makola, Paseka Mako, Linda Mntambo, Thabo Qalinge, Thamsanqa Gabuza.

Kaizer
Chiefs:
Itumeleng Khune, Ramahlwe Mphahlele,
Siyabonga Ngezana, Mario Booysen, Godfrey Walusimbi, Willard Katsande, Siphelele
Ntshangase, Dumisani Zuma, Khama Billiat, Leonardo Castro, Bernard Parker.
Amalalela: Virgil Vries, Daniel Cardoso,
George Maluleka, Hendrick Ekstein, Kabelo Mahlasela, Ryan Moon, Siphosakhe Ntiya-Ntiya.