IPirates neDowns ziqokelele amanqaku apheleleyo emidlalweni yanamhlanje

Kabelo Dlamini of Orlando Pirates celebrates goal with teammates during the Absa Premiership match between Orlando Pirates and Polokwane City on 26 November 2019 at Orlando Stadium Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Emva kokuqokelela
amanqaku apheleleyo emdlalweni wanamhlanje, i-Orlando Pirates inyukele kwindawo
yesithandathi kwi-Absa Premier League. Ezimnyama zibethe iPolokwane City
ngamagowuli amathathu kwamabini (3-2) emdlalweni we-Absa Premiership obuvutha
bhe e-Orlando Stadium ebusuku namhlanje. Umdlalo uqale ngezinga eliphezulu –
omabini amaqela ebesukelana futhi kubonakala okokuba azimisele ukuphumelela –
kodwa yiPirates ebinamathuba. Itsazise igazi kuqala iPolokwane ngegowuli
elifakwe ngentloko nguCharlton Mashumba onikelwe ibhola nguJabulani Maluleke.
Emva kwemizuzu embalwa, uGabadinho Mhango ufake elokulinganisa igowuli ngebhola
ebibekwe echaphazeni. Inyuse igiya iPirates; ihlasele macala onke isebenzisa
abadlali abafana noVincent Pule, uMhango noThembinkosi Lorch okhutshwe ngekhadi
elibomvu.

       Image may contain: 2 people, people playing sports and outdoor      

UTshegofatso
Mabasa ufake igowuli lesibini emva kokungena kwisigaba sesibini somdlalo. Bekubonakala
okokuba iPirates inethuba lokuphumelela umdlalo ngoba ibiyiyo ebidlala umdlalo
omhle futhi idala amathuba acacileyo. Umdlalo uphazanyiswe kukukhutshwa
kukaPuleng Tlolane noLorch ngusompempe ngamakhadi abomvu emva kokutyhilizana
emdalweni – kodwa amaqela khange ayeke ukuzama. UKabelo Dlamini ufake igowuli
eliqinisekise impumelelo yePirates namhlanje phambi kwegowuli lesibini
lePolokwane elifakwe nguMvelase emzuzwini wamashumi alithoba. Kweminye imidlalo
edlalwe namhlanje, iMamelodi Sundowns ibethe AmaZulu ngegowuli elinye – kanti iHighlands Park ibambene ngo’1-1 neBidvest Wits
emdlalweni obubanjelwe eMakhulong Stadium.