IPirates neStars ziqengqe iqanda emdlalweni weChampions League!

Happy Jele of Orlando Pirates tackles Nekundi Panduleni of African Stars during the CAF Champions League match between Orlando Pirates and African Stars on the 15 December 2018 at Orlando Stadium / Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umdlalo
weCaf Champions League obuphakathi kwe-Orlando Pirates ne-African Stars uphele
iliqanda macala emva kwamashumi alithoba emizuzu e-Orlando Stadium namhlanje
ngorhatya. IPirates ibigxeleshe amanqaku amathathu emdlalweni emva kokuqhuba
kakuhle kakhulu kwimidlalo yokuqala kwiChampions League emva kwethuba elide
ingasadlali kuyo. UVincent Pule nguye unkqonkqoze kuqala emdlalweni – kodwa iqela
laseNamibia liye lasinda ngokulambisa.

Nakwelakhe
icala uJackson Mabokgwane kuye kwanyanzeleka ukuba asebenze ngamathuba athile
emva koxinizelelo obelufakwe yiStars. Naye uJustin Shonga ukhe wazama – kodwa iinzame
zakhe azizelanga mathokazi. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iPirates ithembisa noxa
bekunzima ukubhalisa ebhodini. Abadlali beqela laseNamibia khange bafumane
amathuba okufaka amagowuli amaninzi – kodwa into abakwazileyo ukuyenza
kukuyivimba igowuli iPirates. ULinda Mntambo uphose ithuba engeyiphumelele
ngalo iPirates – kodwa ibingenguye yedwa ngoba uThabo Qalinge no-Augustine
Mulenga bazame bancama.