IPirates neSundowns zijijisene ngeqanda eDobsonville Stadium

Themba Zwane of Mamelodi Sundowns challenged by Ben Motshwari and Innocent Maela of Orlando Pirates during the Absa Premiership 2019/20 match between Mamelodi Sundowns and Orlando Pirates at Dobsonville Stadium on 11 August 2020. Samuel Shivambu/BackpagePix

Isazinzile
iMamelodi Sundowns kwindawo yesibini emva kokuzuza inqaku elinye emdlalweni
we-Absa Premiership ejijisene ngeqanda kuwo ne-Orlando Pirates kobu busuku banamhlanje
eDobsonville Stadium. Amaqela omabini aye emdlalweni egxeleshe amanqaku
amathathu abenokuphucula iindawo abekuzo. Ngokungaphumeleli kwayo iSundowns
emdlalweni wanamhlanje, iphose ithuba lokuvala umsantsa phakathi kwayo neKaizer
Chiefs esaphala phambili ngamanqaku amathathu. Omabini aye kwixesha lokuphumla
kungekho qela elikwazileyo ukudala amathuba acacileyo. Nangona kunjalo, umdlalo
ebaleni ububambene – kodwa kubonakala okokuba amakhwenkwe anexesha elide
engasayikhabi ibhola ebaleni. Abadlali beSundowns bazamile ukuhlanganisa
iibhola esiswini eziya phambili njengesiqhelo – kodwa uHappy Jele noNtsikelelo
Nyauza bebevale mba emva futhi bengafuni kwanto eya kuWayne Sandilands.

Isigaba sesibini
somdlalo siye saphucuka – kodwa yiPirates ebisukela emdlalweni. UMakaringe noPule
ngabona badlali abebeyiphethe mbengwana iSundowns emva. Iphantse yabhakuzelisa
umnatha iPirates ngethuba ibhola kaMakaringe, ayidlale noLuvuyo Memela, ibetha
epalini sele imshiyile uDenis Onyango – obengoyena nozinti obexakekile
emdlalweni wanamhlanje. UMotjeka Madisha udlale umdlalo ongcono namhlanje emva
kokwenza iimpazamo ezimbi eziphantse zayonzakalisa iSundowns ebethe iBidvest
Wits ngo’3-2 emdlalweni weNedbank Cup odlalwe ngoMgqibelo ogqithileyo. Ngoku iPirates
ihleli kwindawo yesithathu emva kokuqokelela amanqaku angamashumi amane ananye.
Amakhosi akwindawo yokuqala aza kuzama ukubethelela indawo yawo phezulu xa
edlala neBidvest Wits emdlalweni ongomso.