IPirates neSuperSport ziqengq’ iqanda e-Orlando Stadium

Thabo Matlaba of Orlando Pirates challenges Reneilwe Letsholonyane of Supersport United during Absa Premiership 2017/18 match between Orlando Pirates and Supersport United at Orlando Stadium Johannesburg South Africa on 05 December 2017 ©Aubrey Kgakatsi/BackpagePix

Umqeqeshi we-Orlando
Pirates, uMilutin “Micho” Sredojevic, usenomsebenzi omkhulu okufuneka awenze
emva kokuba iqela lakhe lingakwazanga ukufunama igowuli kumdlalo wanamhlanje.
Amabhaka-bhaka adlale ntanganye ngo’0-0 neSuperSport United kumdlalo we-Absa
Premier Soccer League obuse-Orlando Stadium kobu busuku banamhlanje. Nangona kungabangakho
qela elibhalisileyo ebhodini – kodwa amathuba okufaka amagowuli ebemaninzi
kakhulu.

Amakhwenkwe
ka-Eric Tinkler adlale umdlalo ophucukileyo kakhulu kwisiqingatha sokuqala.
UJeremy Brockie, eyona folosi yoyikwayo kwiPSL, uReneilwe Letsholonyane noThuso
Phala, bayigcine ixakekile emva iPirates – ingakumbi unozinti wayo. UThamsanqa Gabuza
woyiswe kukusebenzisa ibhola ephambi kweepali emva kokukhatywa kwebhola ebisuka
ekoneni. UThabo Matlaba noMpho Makola bazamile ukuyenza imigudu njengesiqhelo –
kodwa iinzame zabo ezizanga nanto.

Njengokuba isiqingatha
sokuqala somdlalo besilawulwa yiSuperSport United, kwesesibini izinto ziye
zajika. IPirates yiyo ebinamandla nedale amathuba acacileyo. ULuvuyo Memela
noThabiso Kutumela baphose amathuba – kodwa ke uMorgan Gould, uClayton Daniel
noReyaad Pieterse basebenzile kakhulu kwelabo icala. UTinkler ufake uSifiso
Myeni – obefudula edlalela iPirates kwiminyaka egqithileyo – watsho watshintsha
umdlalo nangoba kungakhange kude kubekho nto ebhodini.

Komnye umdlalo,
iMaritzburg United ibethe iCape
Town City

ngo’4-2 kumdlalo wePSL obubanjelwe ePrincess Magogo Stadium. Iqela likaBenni
McCarthy lilo eliqale latsazisa igazi – kodwa abafana bakaFadlu Davids babuye
ngamandla bayongamela iCity ephise ngomdlalo sele iwubambile. Le yimpumelelo
yokuqala yeTeam of Choice emva kokungaphumeleli nomnye umdlalo kwesibhozo
eyidlalileyo.

Orlando Pirates:
Mabokgwane, Chabalala, Shitolo, Nyauza, Matlaba, Sangweni, Nyatama, Norodien,
Memela, Makola, Gabuza.

SuperSport United: Pieterse, Nhlapo, Gould, Daniels, Boateng, Furman,
Letsholonyane, Mokoena, Phala, Modiba, Brockie.