iPirates yenze umtsi kwiNedbank emva kokuvuthulula iMaritzburg United

Igoduka umsila uphezulu i-Orlando Pirates emva kokuba ivuthulule iMaritzburg United ngemvula yamagowuli amathathu kwelinye (3-1) emdlalweni weNedbank Cup obuvutha bhe eHarry Gwala Stadium ngokuhlwa kwanamhlanje. Ukuphumelela kweZimnyama kuthetha ukuthi ziphakathi kwamaqela azibekele iindawo kumjikelo olandelayo. Lo nto inika iqela likaJosef Zinnbauer elinye ithuba lokongeza kwindebe yeMTN eliyiphumelele phambi kokuphela konyaka ka-2020. Amaqela omabini asukelene kwangoko emdlalweni.

Elona qela ebelinamandla kakhulu ibiyiTeam of Choice ebisebenzisa izikhuthali phambili, uThabiso Kutumela noBongokuhle Hlongwane. Kuye kwanyanzeleka uRichard Ofori abethe ibhola embi ebikhatywe nguSibusiso Hlubi emzuzwini wesixhenxe. Emva kwemizuzu emibini, uKutumela ufake igowuli engekho uRichard Ofori – olahle ibhola engaphaya komhlaba wakhe. Abekhona amathuba afunyenwe yiMaritzburg emva koko – kodwa ayikwazanga ukuwasebenzisa.

Vincent Pule of Orlando Pirates challenged by Bandile Shandu of Maritzburg United during the 2021 Nedbank Cup Last 16 match between Maritzburg United and Orlando Pirates at Harry Gwala Stadium in Pietermaritzburg on 27 February 2021 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Uqale ngesantya esiphezulu umdlalo kwigaba sesibini. Amakhwenkwe ka-Ernst Middendorp azamile ukulwela igowuli lokusonga umdlalo – kodwa yala iPirates. Izinto zitshintshe emva kokuba uZinnbauer efake uKabelo Dlamini endaweni kaBen Motshwari. Ithe yakufumana igiya yayo yamandla iPirates yatsho yafumana igowuli lokulinganisa elifakwe nguDlamini.

Kungaphelanga nomzuzu, uDeon Hotto ufake igowuli lesibini emva kokunikelwa ibhola nguLinda Mntambo othe gqi ephikweni lasekunene. Emva kokubethwa kabini, amandla weMaritzburg aye ehla kakhulu – ingakumbi uMarcel Engelhardt ezipalini. Komnye umdlalo wanamhlanje, iBlack Leopards ibethe AmaZulu ngegowuli elinye emdlalweni obubanjelwe eThohoyandou Stadium. Kanti izolo, iTshakhuma Tsha Madzivhandila ibethe iSwallows FC ngo’4-3 kumapenela. Yona iCape Town All Stars ibethe iCape Town Spurs ngo’5-3 kumapenela.

Maritzburg: Engelhardt, Mngonyama, Daniels, Ismail, Tlolane, Graham, Bhengu, Carnell, Hlubi, Hlongwane, Kutumela.

Amalalela: Mpandle, Shandu, Zuma, Modise, Meza, Buthelezi, Sifama, Hachi.

Pirates: Ofori, Hlatshwayo, Jele, Ndlovu, Mako, Motshwari, Monare, Mntambo, Makaringe, Pule, Hotto.

Amalalela: Sandilands, Mundele, Tshobeni, Muwowo, Maela, Zungu, Sam, Dlamini, Nyauza.