IPirates yohlwaye iEnyimba emdlalweni weConfederation Cup

Abadlali be-Orlando Pirates bevuyela igowuli elifakwe nguDeon Hotto. Umfanekiso: OP/Facebook

Izuze amanqaku apheleleyo i-Orlando Pirates okokuqala kuGroup A emva kokuba yohlwaye iEnyimba yaseNigeria ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni weCaf Confederation Cup obutaka iintlantsi ngorhatya lwanamhlanje e-Orlando Stadium. Umdlalo utshise zisuka ngoba amaqela omabini aye emdlalweni egxeleshe into enye: ukuphumelela. Khange kube kudala umdlalo uqalile, iPirates ifumene ithuba elihle lokubhalisa ebhodini – kodwa ibhola ebikhatywe nguDeon Hotto iphume ecaleni. Umdlali weqela laseNigeria wenze impazamo endaweni embi kakhulu, endaweni yokubeka ibhola emnatheni – uLinda Mntambo uyikhabe yaqabela ngaphezulu kweepali.

Kwityeli lesithathu, uDeon Hotto ubhakuzelise umnatha emva kwebhola adibene nayo isuka kuLinda Mntambo. Izamile ukulwa nayo iEnyimba, ide yavuzwa ngegowuli elifakwe ngu-Augustine Odalapo ngepenela. Omabini amaqela angene kwisigaba sesibini somdlalo ekhangela igowuli lokuphumelela. Emva kwemizuzu embalwa isiqingatha sesibini siqalile, uJosef Zinnbauer wenze iinguqu. Ukhuphe uBen Motshwari noMntambo, wafaka uKabelo Dlamini noTshegofatso Mabasa – onethuba elide engasadlali ngenxa yokonzakala.

Emva kwexesha elide umdlalo uqhuba, iPirates ifumene ipenela emva kokuba uGabadinho Mhango ewiswe ngaphakathi emhlabeni kanozinti we-Enyimba. UMabasa uyiphosile loo penela – kodwa emva komzuzu, ufumene ithuba wafaka igowuli elinike iPirates impumelelo ebalulekileyo emdlalweni kaGroup A. Ezimnyama ziza kuswantsulisana neKaizer Chiefs emdlalweni weDStv Premiership ngempelaveki zikhuthazekile emva kokubetha iEnyimba.