Ngosuku lweKlisimesi, abantu abaninzi bebexakekiswe zizinto ezininzi. Lona ulutsha lwelali zaseDutywa beluthe gabhu emidlalweni. Njengesiqhelo, amadoda ebedlala ibhola ekhatywayo emabaleni amathathu eChizele.
Okuthe kwakuhle kulo nyaka kukubonakala kwamaqela omnyazi ethatha inxaxheba kweyona tumente enkulu eDutywa ebanjwa rhoqo ngosuku lweKlisimesi. Mathathu amaqela omnyazi adlalileyo. Loo maqela yiCity Tigers yakuTyhothi, iBlack Friends yakuGudlindlu nePJ Stars yakuMgcitha.
Onke amaqela omnyazi aqhube kakuhle nakubeni abadlali beye emidlalweni yalo nyaka bengazilungiselelanga kakuhle. Ngenxa yokuthanda ibhola, baqokelelene baya ebaleni bakuva ukuba bakhona abanye abanomdla wokudlala kwitumente ebisoloko ikhokelisa ibhola ekhatywayo kuphela.
Ngelishwa layo iGudlindlu, ayikwazanga ukuya kumjikelo wokugqibela emva kokungaqhubi kakuhle emidlalweni yayo emibini. Kumagqibelakankqoyi, kuye kwadibana iCity Tigers nePJ Stars ezidlale kakuhle. Bekudibene amantombazana eelali eziphantsi kweChizele zombini.
Iphumelele ngenkitha yamanqaku iPJ Stars yakuMngcitha emva kokutywatyusha iCity Tigers ekhathazwe kakhulu yifolosi ende edlale kakuhle kakhulu. Ngaloo ndlela iPJ Stars ibe ziintshatsheli zalo nyaka yatsho yafumana indebe ekhatshwa yimali.
Abaququzeleli bathembise ngelithi onke amaqela ebhola ekhatywayo kufuneka akhatshwe ngamaqela omnyazi kunyaka ozayo ukuze nawo amantombazana adlale. ULumka Ndabambi, 19, uvakalise uvuyo olukhulu emva kokuphumelela kwePJ Stars okokuqala eChizele.
“Sivuya kakhulu ngoba yimini enkulu le. Thina sizonwabisa ngebhola ngoba le nto yokudlala isifanele singabantwana abasakhulayo,” utshilo uNdabambi ochwayitile. Nangona ibhola yomnyazi idlalwa ezikolweni – kodwa ayixhaphakanga kwiindawo abahlala kuzo abantwana.
Ikhona kodwa kwezinye. Yiyo lo nto kuye kwalula kwabanye ukudlala ngomhla weKlisimesi. “Yinto ekhoyo ibhola yomnyazi kwezi zethu iilali. Sirhalela ukuba ngabadlali abadumileyo abadlala kwiindawo eziphezulu,” uvale ngaloo mazwi uKapteni weentshatsheli.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!