IPlatinum neWits zibuye zigruzukile kweyeCaf

IBidvest Wits nePlatinum Stars kunyanzelekile ziphumelele kwimdilalo yazo elandelayo yeCaf.

Amaqela elizwe loMzantsi Afrika amabini abuye egruzukile kwimidlalo yeCaf edlalwe izolo. IBidvest Wits iguqiswe phantsi lelinye lamaqela amakhulu kwizwekazi le-Afrika, i-Al Ahly, ngo’1-0 kumdlalo weCaf Champions League obudlalelwa e-El-Salam Stadium emalanga izolo ngkwexesha loMzantsi Afrika.

Eli qela likaGavin Hunt lizama ukucangcatha ngqo emzileni weMamelodi Sundowns [iintshatsheli ze-Afrika ezivunyiweyo] ethe yabamba le ndebe yeChampions League okokuqala kwimbali yayo ekupheleni kuka’2016. IiClever Boys ziye kulo mdlalo zinaloo nto engqondweni nangona izinto zingahambanga kakuhle. IWits lelinye lamaqela ayingozi kakhulu futhi alwela ukubamba eyona ndebe iphambili kwibhola yoMzantsi Afrika.

Zibekhona iimpawu ezibonisa ukuba la maqela afuna ukuqokelela amanqaku apheleleyo kulo mdlalo usaqala. UDaine Klate, owafumana amava kule midlalo ngethuba edlalela i-Orlando Pirates kwiminyaka edlulileyo, uPhakamani Mahlambi noGabadinho Mhango, bazamile ukuyihlasela i-Al Ahly besebenzisa amaphiko njengesiqhelo – kodwa iinzame zabo aziphumelelanga. Ingcangcazelise umnatha i-Al Ahly ngomzuzu wamashumi amahlanu anesithandathu ngebhola efakwe ngu-Ahmed Hegazy isuka ekoneni.

UCuthberth Malajila, ongene endaweni kaKlate, noGabadinho Mhango – bazamile ukukhangela igoquli lokulinganisa kwisiqingatha sesibini, ngelishwa labo akubanga njalo kwade kwaphela umdlalo. Kwezi veki zizayo, i-Al Ahly ebambe le ndebe izihlandlo ezisixhenxe, kulindeleke ukuba ityelele apha eMzantsi Afrika – apho izakuthi izame ukukhusela impumelelo eyifumene xeshikweni idlalela enkundleni yayo eYiphutha. Lowo iyakuba ngumdlalo onzima kakhulu ngoba iWits izakube ityhile kwelinye iphepha nanjengoko kunyanzelekile iphumelele ekhaya ukuba ifuma ukuya phambili kolu khuphiswano.

Yona iPlatinum Stars iwe phantsi kwiinzame zayo zokuphumelela kude nekhaya emva kokubethwa yiVipers SC kumdlalo weCaf Confederation Cup obubanjelwe eSt Mary’s Stadium ngenjikalanga yaphezolo. Igowuli kulo mdlalo lifakwe yifolosi egama linguMilton Karisa kwisiqingatha sesibini somdlalo. Lelo gowuli kuphela elenze umahluko phakathi kwala maqela mabini. Ngoku iDikwena kufuneka iguquli izinto xa eli qela lase-Uganda lityelele eRustenburg phambi kokuphela kwale nyanga.