IPolokwane City ivul’unyaka omtsha ngeSundowns

URodney Ramagalela ufake igowuli lesithathu ngethuba iPlokwane City ibetha iMamelodi Sundowns ngo'3-2 ePeter Mokaba Stadium. Umfanekiso: BackpagePix

Iqela laseLimpopo,
iPolokwane City, livule unyaka omtsha ngeyona ndlela incomekayo ngokuthi
libethe iMamelodi Sundowns ngo’3-2 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obutshisa
ePeter Mokaba Stadium ngale njikalanga. Eli lityeli lesibini kule sizini iSundowns
isikha phantsi isitya sigcwele xa idlala neRise and Shine. Abalandeli bebhola
bayinikele umva iPeter Mokaba Stadium bencume olukaBhulankethe emva komdlalo
ovelise amagowuli amahlanu onke. Ukubethwa kweDowns kuthetha ukuthi amaqela asezantsi
kwayo anethuba lokuvala umsantsa kule mpelaveki. Ngoku iPolokwane
City
ithe ngcu kwindawo
yeshumi elinanye emva kokufumana amanqaku amathathu kumdlalo wanamhlanje.

UGeorge
Lebese uwuthathe umdlalo wawubeka kwelinye izinga ngethuba evalela emnatheni
igowuli lokuqala emdlalweni kumzuzu wesithathu umdlalo uqalile kwisiqingatha
sokuqala. Emva koko abadlali beDowns baquqe bebuyelela okwezulu laseMthatha
kumhlaba wePolokwane – kodwa ngethamsanqa uGoerge Chigova ukwazile ukuchitha
ibhola embi ebikhatywe nguPercy Tau. Kuyiwe kwixesha lokuphumla amakhwenkwe
kaPitso Mosimane ephala phambili ngegowuli elinye eqandeni. Izinto zijikile
kwisigaba sesibini ngethuba uJabulani Maluleke efaka igowuli lokulinganisa. Emva
kwemizuzu emibini u-Oupa Manyisa wenze impazamo enkulu ngokuthi akhabele ibhola
emva ethe yadibana noWalter Musona oqinisekise ukuba uDenis Onyango uyichola
emva kwakhe.

UManyisa
uye wafaka igowuli leDowns lokulinganisa emva kwemizuzu emithandathu. NguRodney
Ramagalela oqinisekise ukuba iPolokwane
City
ifumana amanqaku
apheleleyo kulo mdlalo ngokuthi afake igowuli lesithathu. Uye wanyanzeleka
uPitso akhuphe uLebese no-Anele Ngcongca abonzakeleyo. Kwiindawo zabo kungene u-Anthony
Laffor noSiyanda Zwane. Ukubethwa kweDowns kuyiphindelisa emva kakhulu ngoba
ibiseyiphambili kwamanye amaqela ngamanqaku.

 

Polokwane CityChigova, Semenya, Hlongwane,
Maponyane, Mbonani, Seabi, Ramagalela, Phiri, Ndou, Maluleke, Musona.

Mamelodi Sundowns: Onyango, Langerman, Madisha,
Nascimento, Ngcongca, Manyisa, Kekana, Mabunda, Lebese, T.Zwane, Tau.