UKapteni wePolokwane City, uBulelani Nikani, uthi iqela lakhe lizimisele ukwenza umsebenzi obhetele kunesizini egqithileyo. OkaNikani, 31, ukuvakalise oku phambi kokuvulwa kweisizini entsha. Emva kokuvala isizini ka2023/24 kwindawo yesibhozo, iPolokwane City iphakathi kwamaqela aza kulwela izigidi ezilishumi zerandi.
Nakubeni abantu abaninzi beyijongele phantsi, iPolokwane izimisele ukulwa kube mdaka iisali xa idibana neMamelodi Sundowns emdlalweni weMTN8 oza kube useLucas Moripe Stadium ngentsimbi yesithathu ngeCawe.
“Kwisizini egqithileyo siyifumene iTop 8. Kule sizini sithe sifuna ukuba phakathi kwamaqela amane aphambili kwiBetway Premiership xa kuvalwa isizini. Abadlali bazimisele ukuyenza le nto. Nisijonge,” utshilo uNikani ethetha namajelo eendaba kuphehlelelwa iMTN8 kwiveki ephelileyo eGoli.
Njengokuba amaqela esayina abadlali abatsha, ithe cwaka yona iPolokwane City. “Siliqela eliza kothusa abantu. Izinto zethu sizenza sithe cwaka. Sicinga ukuba iza kusinceda lo nto ngoba amaqela akayazi into esiyenzayo.
“Yimidlalo yobuhlobo embalwa esiyidlale neSuperSport United neCape Town City,” utshilo uNikani. Abadlali bePolokwane baya emdlalweni weMTN8 besazi ukuba bajongene nomsebenzi onzima wokuwisa iSundowns eyingozi.
“Siza kudibana neqela ekunzima kakhulu ukudlala nalo. Kodwa ndifuna ukuthembisa ngelithi siza kulwa. Siyazi ukuba sithi abaphantsi koxinizelelo – kodwa sinawo amandla okuzilwela. Abadlali bakulungele ukudlala kwiMTN8 nakwiBetway Premiership,” utshilo uNikani. UPhuti Mohafe uza kuxhuzula imikhala njengakwisizini edlulileyo.
Wanikwa umsebenzi emva kokuhamba kukaLehlohonolo Seema engabhungisanga iphakathi isizini egqithileyo. UMohafe uxelele iintatheli eGoli ukuba abadlali bakhe bakhuthazekile phambi kokudlala neqela elikhulu njengeSundowns. UNikani uthe bamthembile umqeqeshi wabo. “Sekulithuba elide sisebenza naye umqeqeshi. Andiqondi ukuba iqela lingeza nomntu omtsha ngoku,” utshilo uKapteni.
Yintoni uMthetho oYilwayo weBELA?