IPolokwane iphumelele idabi laseLimpopo, yona iCeltic izibethele iBaroka esengxakini

Charlton Mashumba of Polokwane City challenged by Isaac Masia of Black Leopards during the Absa Premiership 2019/20 match between Polokwane City and Black Leopards at Old Peter Mokaba Stadium, Polokwane on 30 February 2020 Samuel Shivambu/BackpagePix

UClinton
Larsen uzamekele ngovuyo iziphumo zomdlalo wanamhlanje. IPolokwane City
iphumelele idabi laseLimpopo ebelinzima ngokubetha iBlack Leopards ngo’2-1
emdlalweni obuse-Old Peter Mokaba Stadium emalanga namhlanje. Iqela elibhalise
ebhodini kuqala yiBlack Leopards ngebhola ekhatywe nguMogakolodi Ngele yabetha
kuNkili phambi kokungena. Konke oku kwenzeke emva kokuba isiqingatha sosibini
somdlalo. Amaqela omabini ebesukelana kwisigaba sokuqala somdlalo – kodwa yiLeopards
ebibonakala iyingozi kakhulu nangona nayo iPolokwane ibisiya phambili. Ifolosi
eyaziwayo, uCharlton Mashumba, yenze edume ngazo ngethuba ifaka igowuli
lokuqala. Yena uSibusiso Hlubi ufake igowuli ephumelele ngalo iPolokwane. Ngoku
iqela likaLarsen lisukile ezantsi – kodwa kusafuneka lisebenze ngoba alikaphumi
ngokupheleleyo engxakini. Yona iLeopards isengxakini ngoba isekela AmaZulu
asahleli ekugqibeleni emva kokubethwa yiChippa United ngo’1-0.

Image may contain: one or more people, people playing sports and outdoor

Komnye umdlalo
wanamhlanje, iBloemfontein Celtic, ekwindawo yethoba kwiPSL, ibethe iBaroka FC
etsala nzima ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni obuseDr Molemela
Stadium namhlanje emalanga. Amagowuli ephumelele ngawo iCeltic afakwe nguTebogo
Potsane nefolosi uNdumiso Mabena kwisigaba sesibini. Kuyiwe kwixesha lokuphumla
Isiwelele sihamba phambili ngegowuli elinye. UManuel Kambala ufake igowuli
leBaroka lokulinganisa – ngelishwa lawo, khange likwazi ukuyinceda emdlalweni
wanamhlanje. Mabini kuphela amaqela ephambi kwawo iBaroka – kodwa iyalingana
nawo ngamanqaku. Emidlalweni yayizolo, iSuperSport United ibethe iBidvest Wits
ngo’2-1, Amakhosi abethe iPirates ngo’1-0, iGolden Arrows ibambene neHighlands
Park ngo’1-1, iChippa ibethe AmaZulu ngo’1-0 kanti yona iMaritzburg United
ibethe iStellenbosch ngo’3-0 ngoLwesihlanu.