IPolokwane neBaroka zijijisene ngeqanda

Rodney Ramagalela of Polokwane City tackled by Dineo Shaku of Baroka FC during the Absa Premiership 2016/17 match between Polokwane City and Baroka FC at Peter Mokaba Stadium, South Africa on 04 March 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Kwidabi ebelijongwe ngamehlo abomvu eLimpopo, iPolokwane City neBaroka FC zimhokamhokene neqanda [0-0] kumdlalo obubanda nkca okwempulo yenja eNew Peter Mokaba Stadium ngale njikalanga.

Ngoba iPolokwane isendaweni engcono kumanqwanqwa ePSL, abantu abaninzi bebecinga ukuba uyakuba ngumsebenzi ongekho nzima ukubetha iBaroka ezihambela nzima kwisizini yayo yokuqala kwiSPL. URodney Ramagalela, ifolosi yeCity ethenjiweyo ekwadume ngokubaleka kakhulu, ugxumise nje amatyeli aliqela ebengathi angafaka igowuli – kodwa akabuyanga nanto kwase kugqibeleni. IBaroka ize kulo mdlalo ifuna amanqaku amathathu nyhani kuba ihleli kwindawo yokugqibela kwiPSL.

Ukungasebenzisi elo bathwana lamathuba akwenzanga mashuko kwiBaroka FC. Okubaxolisayo abalandeli bePolokwane City kukuba ayiphulukanga namdlalo kwaye isephakathi kwamaqela asibhozo aphambili emva kokuqokelela amashumi amabini anesithandathu amanqaku. Yona iBaroka isajijisana nomsila kwaye akukho themba lokuguquka kwezinto nangona bekuke kwenziwa utshintsho lwabaqeqeshi.

Polokwane: 1. Chigova, 2. Semenya, 24. Hlongwane, 23. Tema, 4. Tshilo, 21. Seabi, 14. Manaka, 7. Jembula, 13. Segolela, 8. Maluleke, 17. Ramagalela.

Baroka: 30. Masuluke, 18. Mapetho, 35. Zikalala, 6. Shaku, 44. Garcia, 3. Mahashe, 24. Letsoalo, 5. Ravhuhali, 36. Kunene, 32. Motshegwa.