IProteas ibethwe ngoothinti abasibhozo yi-India

Hashim Amla of South Africa during the fifth 2017 Momentum ODI game between South Africa and Sri Lanka at Centurion Park, Pretoria on 10 February 2017 © Christiaan Kotze/BackpagePix

LONDON Iindaba ezimbi ngolurhatya zezokubethwa koMzantsi Afrika kwakhona kwiChampions Trophy. IProteas ivuthululwe ngoothinti abasibhozo bonke liqela lesizwe lase-India kumdlalo obujongwe ngamehl’ abomvu ngabantu beli lizwe namhlanje. NguMzantsi Afrika ophumelele itosi nokwagqibe kwelokuqhokra kuqala kulo mdlalo. Nangona isiqalo sabadlali beProteas besisihle – kodwa kuthe xa befikelelwa kwikhulu elineshumi nesithandathu (116/1) lemitsi kuwe uthinti omnye kwaqala ukonakala kwezinto eThe Oval Stadium.

Amandiya, ekhokelwa nguShikhar Dhawan (78) noVirat Kohli (76), abacholachole abadlali boMzantsi Afrika kwintlanganisela yaba badlali ababini abathe benza imitsi elikhulu namashumi amabini anesibhozo (128) akhokelele ekubethweni kwabo. Ekugqibeleni iProteas ikhe phantsi isitya sigcwele ngoothinti abasibhozo bonke kwitumente equka amazwe afana noMzantsi Afrika, India, Ngilane, New Zealand namanye amazwe. UHashim Amla uvule noQuinton de Kock – kodwa yena u-Amla uye wakhutshwa nguMahendra Singh Dhoni enamashumi amathathu anesihlanu emitsi qha. UDe Kock ukhutshwe nguRavindra Jadeja enamashumi amahlanu anesithathu – emva koko kuvele konakala. Phambi kwale midlalo bekukho ithemba leziphumo ezingcono nangona uMzantsi Afrika uneminyaka eliqela ungasaqhubi kakuhle kolu khuphiswano.