IProteas idlale ntanganye

IProteas kunye neBangladesh zidlale ntanganye kwakhona, emva kokuba unqunyanyisiwe nomdlalo wazo wesibini wovavanyo.

Imvula iye yayeka, kodwa amanzi ebedame ebaleni anyenzelise abalawuli bomdlalo ukuba bawunqumamise lo mdlalo nobungene kusuku lwesihlanu nelokugqibela ngoMvulo.

Into yokudlala ntanganye kwala maqela kuthetha ukuba iProteas ziza kufumana amanqaku amahlanu kwaye bazakuhlala kwindawo yabo ekuqaleni, kumanqwanqwa ehlabathi kwimidlalo yovavanyo. Ngelixa iBangladesh yona ezicholele amanqaku amathandathu izakuhlala kwindawo yesithoba.

Umdlalo wovavanyo wokuqala nawo waye waphazanyiswa yimvula, kwaye waphela la maqela mabini entanganye.

Zintandathu iintsuku ezithe zanemvula kule midlalo yovavanyo yomibini.

Lunye qha usuku ekuthe kwadlalwa kakuhle kule midlalo yovavanyo, kwaye kulapho umgibiseli weli loMzantsi Afrika uDale Steyn wakwazi ukuba awise uthinti wakhe wamakhulu amane womdlalo wovavanyo.

Utyelelo lweProteas khange lubancedise kakhulu, ingakumbi ngokudibene namalungiselelo emidlalo yeWorld Championships ezakudlalwa e-India kulonyaka uzayo. UMzantsi Afrika uzakubuyela ekhaya ukuza kudlala uluhlu lemidlalo embalwa kunye neqela leNew Zeland, kwisithuba seentsuku ezisithoba eThekwini.